Abaprofeti Nookumkani

1/70

Abaprofeti Nookumkani

Ingabula-Zigcawu

Ibali LabaProfeti NooKumkani ngumqulu wesibini kuluhlu lwemiqulu emihlanu ebalaseleyo etyhutyha yonke imbali engcwele. Phofu, iyincwadi yokugqibela ekubhalweni, neyokugqibela kwimisebenzi enendyebo ukuphuma kusiba olunesiphiwo lukaEllen G. White. Kuyo yonke iminyaka engamashumi asixhenxe yokuthetha nokubhala eMelika nangaphaya kwemida yayo, uMrs White wahlala ebeka phambi kwabantu okona kukhulu ukubaluleka kweziganeko zembali, etyhila ukuba, kwimicimbi yabantu, kunokufunyanwa iimpembelelo ezingabonwayo zobulungisa nobubi-isandla sikaThixo nomsebenzi womchasi omkhulu. AN 6.1

Umbhali obona nzulu kwimisebenzi yokubonelela kukaThixo ususa umdiyadiya kubonakale okufundiswa yimbali ezithi kuyo iziganeko zexesha elidlulileyo zibe nokubaluleka okungunaphakade. AN 6.2

“Amandla eentlanga kunye nabantu awafunyanwa kumathuba ngezinto abanazo ezibonakala zibenza bangabinako ukoyiswa; awafunyanwa kubukhulu abazibabaza ngabo. Oko ekuphela kwako okunokubenza ukuba babe bakhulu okanye bomelele ngamandla nenjongo kaThixo. Bona ngokwabo ngengqondo yabo ngakwinjongo yaKhe, baxhonxa isiphelo sabo. AN 6.3

“Iimbali zoluntu zibalisa ngabakwenzileyo, uloyiso lwabo emadabini, impumelelo ekunyukeni amanqanaba obukhulu basehlabathini. Imbali kaThixo ichaza umntu njengoko abonwa lizulu.” AN 6.4

Lo mqulu, AbaProfeti nookumkani uqala ngengxelo yolawulo oluphakamileyo lukaSolomon phezu kukaIsrayeli, ubukumkani obumanyeneyo, netempile kaYehova—umbindi wonqulo lwenene. Apha kulandwa amahla—ndinyuka ohlanga olwathandwayo lwanyulwa, ludidekile phakathi kokuthobela uThixo nokukhonza izithixo zezizwe oluzingqongileyo. Kubonakala ngokucacileyo apha imiboniso yokungqubana okugqubayo phakathi kukaKristu noSathana kubangwa iintliziyo nokuthobela kwabantu. AN 6.5

Incwadi le izele zizifundo ezinomtsalane ezingabantu—uSolomon owayenobulumko, obululmko bakhe bungazange bumnqande ekugqitheni umthetho; uYerobhoham, indoda eyayithanda ukuzizuzela enomthetho, neziphumo ezibi ezalandela ulawulo lwayo; igorha elingoyikiyo uEliya; uElisha, umprofeti woxolo nokuphilisa; uAhazi, igwala elikhohlakeleyo; uHezekiya, owayenyanisekile nonentliziyo entle; uDaniyeli, intandane kaThixo; uYeremiya, umprofeti wosizi; uHagayi, uZekariya, noMalaki, abaprofeti bokubuyiselwa. Ngaphaya kwaba bebonke kunyukela eluzukweni uKumkani, iMvana kaThixo, uNyana ekuphela kozelweyo, ekuthi kuYe yonke imibingelelo eyayiyimifuziselo ifumane ukuzaliseka. AN 7.1

Amanyange Nabaprofeti, incwadi yokuqala kolu luhlu, ityhutyha imbali yomhlaba ukususela ekudalweni kuse ekupheleni kolawulo lukaDavide; Ulangazelelo Lwamaphakade, incwadi yesithathu iphethe ubomi nolungiselelo [umsebenzi ] lukaKritu; lo umqulu, AbaProfeti NooKumkani ingena phakathi kwezi zimbini. IZenzo ZabaPostile, eyesine, izoba imbali yebandla lokuqala lobuKristu, ize Imbambano Enkulu, eyokugqibela kuluhlu, ilande imbali yongquzulwano kuze kule yethu imihla ize emva koko ithi, ngomsinga wokuprofeta, iyokufikelela kumhlaba owenziwe wamtsha. AN 7.2

Ibali LabaProfeti NooKumkani, incwadi ethe yakuba ipapashiwe, yadala umdla owenze ukuba ishicilelwe kakhulu, ngoku inikelwe eluntwini ngendlela enomtsalane ekubhalweni kwayo nangona kungekho nguqulelo kuxholo namaphepha okuqala. [Inguqulelo yesiNgesi inayo nemifanekiso ezotyiweyo ukulungiselela lo msebenzi.] AN 7.3

Le yokuba lo mqulu onezifundo ezityebileyo zokholo kuThixo noNyana waKhe, uMsindisi wehlabathi, namabali okubonelela kwaKhe ebomini bamadoda amakhulu nabafaz abakhulu bamaxesha eTestamente eNdala, bekunga ungadala amava anzulu enkolo, ukhanyisele iingqondo zabo bonke abawafundayo amaphepha awo ngumnqweno ongazenzisiyo wabapapashi ne: AN 7.4

The Board of Trustees of the Ellen G. White Publications