Abaprofeti Nookumkani

2/70

Intshayelelo—Isidiliya SikaYehova

Kwakungenjongo yokuzisa ezona zipho zihle zeZulu kubo bonke abantu basemhlabeni okwenza ukuba uThixo ambize uAbraham ukuba aphume kubantu bakubo abanqula izithixo emyalele ukuba ahlale elizweni laseKanan. “Ndikwenze uhlanga olukhulu,” watsho, “ndikusikelele, ndilikhulise igama lakho, ube yintsikelelo.” Genesis 12:2. Yayiyimbeko ephezulu awayebizelwe kuyo uAbraham—eyokuba abe nguyise wabantu ababeza kuthi, kwiinkulungwane zeminyaka, babe ngabalindi nabagcini benyaniso kaThixo emhlabeni, abantu, awayeza kuthi ngabo, zonke izizwe zomhlaba zisikelelwe ekufikeni kukaMesiya owayethenjisiwe. AN 15.1

Abantu baphantsa balahlekwa kukumazi uThixo oyinyaniso. Iingqiqo zabo zazenziwe mnyama kukunqula izithixo. Endaweni yomthetho wezulu, lo “ungcwele, unobulungisa [kwaye] ulungile,” (Roma 7: 12), abantu bazama ukumisa imithetho ehambelana neenjongo zeentliziyo zabo ezikhohlakeleyo nezifuna okukokwazo.Kantike,uThixokwinceba yaKhe akazange abacime bangabikho.Injongo yaKhe yayikukubanika ithuba lokuba baqhelane naYe ngebandla laKhe. Walungiselela ukuba imithetho-siseko yaKhe ibe yindlela yokubuyisela umfanekiselo wesimilo sikaThixo emntwini. AN 15.2

Umthetho kaThixo kufuneka uphakanyisiwe, igunya laKhe ligcinwe; indlu kaIsrayeli yayiza kunikwa lo msebenzi mkhulu nonendili. UThixo wabahlula ehlabathini, ukuze anikele kubo ukugcina okungcwele. Wabenza izisele zomthetho waKhe, wathi ngabo wanenjongo yokugcina phakathi kwabantu ukwaziwa kwaKhe. Ngaloo ndlela ukukhanya kwezulu kwakuza kukhanya kuye ehlabathini eligqunywe bubumnyama, lize ilizwi livakale libhenela kubantu bonke ukuba babuye ekunquleni izithixo bakhonze uThixo ophilayo. AN 16.1

“Ngamandla amakhulu, nangesandla esithe nkqi,” uThixo wabakhupha abantu baKhe abanyuliweyo eYiputa. Eksodus 32:11. “Wathuma uMoses umkhonzi wakhe, noAron awamnyulayo. Bazenza kubo iindawo zemiqondiso yakhe, nezimanga zakhe ezweni lakwaHam.” “Walukhalimela uLwandle oluBomvu, loma, wabahambisa emanzini anzongonzongo.” Iindumiso 105:26, 27; 106:9. Wabahlangula kwimeko yabo yobukhoboka, ukuze abazise kwilizwe elilungileyo, ilizwe elithe ngokwazelela kwaKhe walilungiselela bona njengegwiba kwiintshaba zabo. Wayeza kubazisa kuYe abawolele kwiingalo zaKhe ezingunaphakade; baze bona, ukumbuyisela ngokulunga nenceba yaKhe, baliphakamise igama laKhe balizukise emhlabeni. yokubanika ithuba lokuba baqhelane naYe ngebandla laKhe. Walungiselela ukuba imithetho-siseko yaKhe ibe yindlela yokubuyisela umfanekiselo wesimilo sikaThixo emntwini. AN 16.2

Umthetho kaThixo kufuneka uphakanyisiwe, igunya laKhe ligcinwe; indlu kaIsrayeli yayiza kunikwa lo msebenzi mkhulu nonendili. UThixo wabahlula ehlabathini, ukuze anikele kubo ukugcina okungcwele. Wabenza izisele zomthetho waKhe, wathi ngabo wanenjongo yokugcina phakathi kwabantu ukwaziwa kwaKhe. Ngaloo ndlela ukukhanya kwezulu kwakuza kukhanya kuye ehlabathini eligqunywe bubumnyama, lize ilizwi livakale libhenela kubantu bonke ukuba babuye ekunquleni izithixo bakhonze uThixo ophilayo. AN 16.3

“Ngamandla amakhulu, nangesandla esithe nkqi,” uThixo wabakhupha abantu baKhe abanyuliweyo eYiputa. Eksodus 32:11. “Wathuma uMoses umkhonzi wakhe, noAron awamnyulayo. Bazenza kubo iindawo zemiqondiso yakhe, nezimanga zakhe ezweni lakwaHam.” “Walukhalimela uLwandle oluBomvu, loma, wabahambisa emanzini anzongonzongo.” Iindumiso 105:26, 27; 106:9. Wabahlangula kwimeko yabo yobukhoboka, ukuze abazise kwilizwe elilungileyo, ilizwe elithe ngokwazelela kwaKhe walilungiselela bona njengegwiba kwiintshaba zabo. Wayeza kubazisa kuYe abawolele kwiingalo zaKhe ezingunaphakade; baze bona, ukumbuyisela ngokulunga nenceba yaKhe, baliphakamise igama laKhe balizukise emhlabeni. AN 16.4

“Kuba isabelo sikaYehova ngabantu bakhe, uYakobi licandelo lelifa lakhe. Wamfumana ezweni eliyintlango, enyanyeni, enkangala ebhombolozayo; wamwola, wamondla, wamlondoloza njengokhozo lweliso lakhe. Njengokhozi lususela, lundanda phezu kwamathole alo, wawolula amaphiko akhe, wamthabatha wamthwala ngamaphiko akhe. Wamkhokela uYehova yedwa, engenathixo wolunye uhlanga naye.” Duteronomi 32:9-12. Ngoko ke, wawazisa amaIsrayeli kuYe, ukuze ahlale phantsi kwesithunzi sOsenyangweni. Begcinwe ngommangaliso kwiingozi zokubhadula entlango, ekugqibeleni bamiswa eZweni leDinga besisizwe esithandiweyo. AN 17.1

Ngomzekeliso, uIsaya ulibalise ngovelwano oluchukumisayo ibali lokubizwa nokuqeqeshwa kukaIsrayeli ukuba eme emhlabeni njengabameli bakaYehova, baqhame kuwo wonke umsebenzi olungileyo: AN 17.2

“Intanda yam makhe ndiyivumele ingoma yentanda yam, ngesidiliya sayo. Intanda yam ibe inesidiliya endulini echumayo; yasigaba, yawemba amatye, yasityala imidiliya yohlobo, yakha inyango phakathi kwaso, yaxhola kuso umkhombe wokukhongozela iwayini. Yalinda ukuba sivelise iidiliya ezizizo; ke sona savelisa iidiliya ezingezizo.” Isaya 5:1, 2. AN 17.3

Ngesizwe asinyulileyo,uThixo wayejonge ukuzisa intsikelelo kulo lonke uluntu. “Isidiliya sikaYehova wemikhosi,” wathi umprofeti, “yindlu kaIsrayeli; namadoda akwaYuda sisityalo sokumyolisa.” Isaya 5:7. AN 17.4

Kwaba bantu, kwanikelwa izihlabo zikaThixo. Babiyelwa jikelele ngemiyalelo yomthetho waKhe, imithetho-siseko engunaphakade yenyaniso, ubulungisa, kwanobunyulu. Ukuthobela le mithetho-siseko kwakuza kuba kukukhuseleka kwabo, kuba ibiya kubasindisa ekuzitshabalaliseni ngezenzo zesono. Kuthi, njengakwinqaba yesidiliya, uThixo abeke phakathi kwelizwe itempile yaKhe engcwele. AN 18.1

UKristu wayengumqeqeshi wabo. Njengoko wayenabo entlango, ngokunjalo wayesaza kuba ngumfundisi nomkhokeli wabo. Emnqubeni nasetempileni, ubuqaqawuli baKhe babuhleli kwiShekina engcwele phezu kwesihlalo senceba. Ngenxa yabo, wathi rhoqo ebonakalalisa ubutyebi bothando nenceba yaKhe. AN 18.2

NgoMoses, injongo kaThixo yabekwa phambi kwabo nemiqathango yempumelelo yabo yabekwa yacaciswa. “Ngokuba ningabantu abangcwele kuYehova uThixo wakho,” watsho, “uninyule uYehova uThixo wakho, ukuba nibe ngabantu abayinqobo kuye, kunabantu bonke abaphezu komhlaba.” AN 18.3

“UYehova namhla umbangile wathi unguThixo kuwe, nokuba wena wohamba ngeendlela zakhe, uyigcine imimiselo yakhe, nemithetho yakhe, namasiko akhe, uliphulaphule izwi lakhe. NoYehova namhla unibangile nina,wathiningabantuabayinqobo kuye,njengoko wathethayo kuni ukuze niyigcineyonke imithethoyakhe; aniphakamise ngaphezu kweentlanga zonke azenzileyo, ukuba nibe ngabantu abangcwele kuYehova uThixo wenu, njengoko wakuthethayo.” Duteronomi 7:6; 26:17-19. AN 18.4

Abantwana bakaIsrayeli babeza kuhlala kumhlaba uThixo awayebabele wona. Ezo zizwe zazisala ukunqula nokukhonza uThixo oyinyaniso zaziza kuhluthwa [umhlaba]. Yaye iyinjongo kaThixo ukuba kuthi ngokutyhilwa kwesimilo saKhe ngoIsrayeli, abantu batsaleleke kuYe. Kuwo wonke umhlaba isimemo seendaba ezilungileyo sasiza kunikwa. Ngokufundwa kwenkonzo yombingelelo, uKristu wayeza kuphakanyiswa phambi kwezizwe, baze bathi bonke abakhangele kuYe baphile. Bonke abathe, njengoRahabhi umKanan noRute umMowabhikazi, babuya ekunquleni izithixo banqula uThixo wenyaniso babeya kuzihlanganisa nabantu baKhe abanyuliweyo. Ngokukhula kwamanani kaIsrayeli, babeya kuyandisa imida yabo bude ubukumkani babo buwuthabathe wonke umhlaba. AN 19.1

UIsrayeli wakudala akazange ayizalisekise injongo kaThixo. UYehova wathi, “Mna ke ndakutyala ungumdiliya wohlobo, wonke uphela uyimbewu yenyaniso; utheni na ke ukujika, ube ngamasebe angcakacileyo omdiliya ongenguwo kum?” “UIsrayeli ngumdiliya onabileyo; wazixakathela iziqhamo.” “Kaloku ke, bemi baseYerusalem, nani madoda akwaYuda, khanahlule phakathi kwam nesidiliya sam. Kube kusekho ntoni na eyenziwayo esidiliyeni sam, endingayenzanga ke kuso? Kube kungani na ukuba ndikulinde ukuba sivelise iidiliya ezizizo, sisuke sivelise ezingezizo? Kaloku ke makhe ndinazise into endiya kusenza yona isidiliya sam. Ndiza kususa uthango lwaso, sibe lidlelo; ndiya kuluchitha udonga lwaso, sibe yingqushu; ndisijece kuphele. Asiyi kuthenwa, asiyi kuhlakulwa; siya kumila ubobo namakhakakhaka; ndiwawisele umthetho amafu, ukuba angani mvula phezu kwaso. Kuba . . . walinda ukuba kubekho okusesikweni, nanku ikukudywida; walinda ukuba kubekho ubulungisa, nanko ikukukhalisa.” Yeremiya 2:21; Hoseya 10:1; Isaya 5:3-7. AN 19.2

UYehova ngoMoses wabeka phambi kwabantu baKhe isiphumo sokunganyaniseki. Ngokwala ukugcina umnqophiso wakhe, babeya kuzinqamla basuke kubomi bukaThixo, ize intsikelelo yaKhe ingezi phezu kwabo. Maxa wambi ezi zilumkiso zazithotyelwa,zize iintsikelelo ezinkulu ziwe phezu kwesizwe sakwaYuda kuze kuthi ngabo ziwe phezu kwabantu ababangqongileyo. Sekunjalo, qho kwimbali yabo, babemlibala uThixo baze balahlekwe ngumbono welungelo labo eliphezulu njengabameli baKhe. Bamvimbe inkonzo ayilindeleyo kubo, babavimba abanye abantu inkokhelo yenkolo nomzekelo ongcwele. Balangazelela ukutsalela kubo iziqhamo zomdiliya ababewugcinisiwe. Ukubawa nokurhala kwabo kwabenza ukuba badelelwe ngabahedeni. Ngoko ke, ilizwe leNtlanga lanikwa ithuba lokuba lisazi ngendlela engeyiyo isimilo sikaThixo nemithetho yobukumkani baKhe. AN 20.1

Ngentliziyo yomzali, uThixo wabanyamezela abantu baKhe. Wacengana nabo ngeenceba abanikayo neenceba azirhoxisayo. Ngomonde wazibeka phambi kwabo izono zabo waza wathi ngonyamezelo walindela kubo ukuba bazivume. Abaprofeti nabathunywa bathunyelwa ukuba babonise ibango laKhe kubalimi besidiliya; kodwa, endaweni yokuba bamkeleke aba bantu bengqondo namandla kamoya, baphathwa njengeentshaba. Abalimi besidiliya basuka babatshutshisa bababulala. UThixo waphinda wathumela abanye abathunywa, kodwa nabo bafumana kwaloo mpatho yabo bokuqala, kuba umlimi wesidiliya wasuka wabonisa intiyo ezimisele ngaphezulu. AN 21.1

Ukurhoxiswa kothando lwezulu ngexesha lokuba ziimbacu, kwakhokelela abaninzi enguqukweni, kanti emva kokubuyela kwabo eZweni leDinga, amaYuda ayiphinda impazamo yawo yezizukulwana zangaphambili, azizisa ekulweni ngezombusazwe nezizwe ezazibarhangqile. Abaprofeti ababethunyelwe nguThixo ukuba balungise ububi obabugquba bamkelwa ngokukrokra nokugculelwa okufanayo okwakwenziwe kubathunywa bamaxesha angaphambili; ngaloo ndlela, ukusuka kwinkulungwane ukuya kwenye, abagcini besidiliya baya bongeza kwityala labo. AN 21.2

Umdiliya obukekayo owawutyalwe nguMlimi wezulu kwiinduli zasePalestina, wacekiswa ngabantu bakwaIsrayeli waza ekugqibeleni walahlelwa ngaphandle kodonga lwesidiliya; bawaphula bawunyhasha ngaphantsi kweenyawo zabo bathemba ukuba bawutshabalalise ngonaphakade. UMlimi wawususa umdiliya wawufihla ukuba bangawuboni. Waphinda wawutyala, kodwa kwelinye icala lodonga ngendlela yokuba isikhondo sawo singabi sabonakala. Amasebe ajinga ngaphezu kodonga, khon’ ukuze kukwazeke ukufakelwa kuwo amasebe amatsha; kodwa isiqu sona sabekwa kude nalapho anokufikelela khona amandla abantu okanye bawonakalise. AN 21.3

Ngendlela exabiseke ngokukodwa ebandleni likaThixo emhlabeni namhlanje—abagcini besidiliya saKhe—zizigidimi zengcebiso nesiyalo esinikwa ngokusebenzisa abaprofeti abayibeke yacaca injongo yaKhe engunaphakade ngoluntu. Kwiimfundiso zabaprofeti, uthando lwaKhe lohlanga olulahlekileyo kunye necebo laKhe ngosindiso lwalo, zizinto ezityhilwe ngokucacileyo. Ibali lokubizwa kukaIsrayeli, leempumelelo nokusilela kwabo, lokubuyiselwa ekuthandweni lizulu, lokwala kwabo iNkosi yesidiliya, nelokwenziwa kwecebo lezizukulwana sisisalela esilungileyo ekuya kuzalisekiswa kuso izithembiso zomnqophiso—le ibe ngumxholo wabathunywa bakaThixo kwibandla laKhe kuzo zonke iinkulungwane ezadlulayo. Namhlanje isigidimi sikaThixo ebandleni laKhe—kwabo basesidiliyeni saKhe njengabalimi abathembekileyo—asikho esinye ngaphandle kweso sathethwa ngomprofeti wakudala: AN 22.1

“Isidiliya esinqwenelekayo, hlabelani ngaso. Mna Yehova ndingumlondolozi waso; ndiya kusinyela ngamaxesha onke, ndiya kusilondoloza ubusuku nemini, hleze sivelelwe yinto.” Isaya 27:2, 3. AN 22.2

UIsrayeli makathembe uThixo. INkosi yesidiliya nangoku iqokelela phakathi kwabantu bazo zonke izizwe nabantu iziqhamo ezinexabiso ebisoloko izilindele. Kwakamsinyane iza kuza kwabaYo; kuthi ngaloo mini yovuyo, injongo yaYo engunaphakade ngendlu kaIsrayeli ekugqibeleni izalisekiswe. “Ngezayo imihla uYakobi uya kwendelisela iingcambu, atyatyambe adubule uIsrayeli, balizalise lonke elimiweyo ngeziqhamo.” Indima 6. AN 22.3