Ulangazelelo Lwamaphakade

1/88

Ulangazelelo Lwamaphakade

Ingabula-Zigcawu

Ezintliziyweni zayo yonke into engumntu, nokuba loluphi uhlanga okanye umgangatho ebomini, kukho ulangazelelo olungathethekiyo lwento abangenayo ngoku. Olu langazelelo lutyalwe yile ndlela kanye umntu enziwe ngayo nguThixo ozele yinceba, yokuba umntu anganeliseki ziimeko okanye izinto athi abe nazo okwangoku, nokuba zilungile, okanye zimbi, okanye zingcono. UThixo unga umntu angafuna okona kulungileyo, aze akufumane kwanelise umphefumlo wakhe ngonaphakade. ULw 12.1

USathana, ngobuchule nokuceba okunamaqhinga, uluguqule olu langazelelo lwentliziyo yomntu. Ubenza abantu ukuba bakholelwe ukuba olu langazelelo lwentliziyo yomntu lunganeliswa ziziyolo, bubutyebi, kukuhlala ngokukhululekileyo, ludumo, ngamandla; kodwa abo athe wabakhohlisa ngolo hlobo (kwaye yinyambalala yabo) bazifumana ezi zinto zifumba phezu kwengqondo, zishiya umphefumlo uze, unganelisekanga kwanje ngokuba ubunjalo ngaphambili. ULw 12.2

Kukuceba kukaThixo ukuba olu langazelelo lwentliziyo yomntu lukhokelele kuLowo ekuphela kwaKhe onako ukulwanelisa. Umnqweno lo uphuma kuYe ukuba ukhokelele kuYe, okukuphelela nokuzalisekiswa komnqweno lowo. Oko kuphelela kufumaneka kuYesu onguKristu, uNyana kaThixo ongunaphakade. “Ngokuba kwakholeka kuYise ukuthi ukuzaliseka konke kuhlale kuye, (KJV);” “ngokuba kuhleli kuye konke ukuzaliseka kobuthixo ngokomzimba.” Kukwayinyaniso ukuba “kuYe nenziwe naphelela” ngokubhekiselele kulo lonke ulangazelelo olutyalwe lizulu nolulandelwa ngokuqhelekileyo. ULw 12.3

UHagayi umbiza ngokuthi, “Onqwenelekayo Kwizizwe Zonke (NKJV),” esinokuthi thina, “Onqweneleka Kumaphakade Onke,” okanye, “UKumkani Wamaphakade.” ULw 12.4

Yinjongo yale ncwadi ukumzisa uYesu Kristu njenga Lowo ekuthi kuYe lonke ulangazelelo lube nokwaneliseka. Kuninzi okungo“bomi bukaKristu” okubhaliweyo, iincwadi ezibalaseleyo, inkcitho eninzi ngolwazi, amabali amaninzi ngolandelelwano lweziganeko nembali yokuphila ngaxesha nye amasiko neziganeko, nemfundiso eninzi nokukrotyiswa kumacala ngamacala obomi bukaYesu waseNazarete. Sekunjalo, kungatshiwo ukuthi, “Akuxelwanga nesiqingatha esi.” ULw 12.5

Phofu asiyiyo injongo yalo msebenzi ukubeka ngolungelelwano iiVangeli, okanye ukunika ngolandelelwano olungqongqo iziganeko ezibalulekileyo nezifundo ezimangalisayo ezingobomi bukaKristu. Injongo kukuzisa uthando lukaThixo njengoko lutyhilwe kuNyana waKhe, ubuhle bobungcwele bobomi bukaKristu, abanokuxhamla kubo bonke abantu, kunganeliswa iminqweno yabo bafuna nje ulwazi okanye imibuzo yabagxeki. Sekunjalo, njengokuba ngomtsalane wokulunga kwesimilo saKhe, uYesu watsalela kuYe abafundi baKhe, nangobukho baKhe buqu, ngenkcukumiso yaKhe nokuvakalelwa kwaKhe okunovelwano kubo bonke ubulwelwe babo nezidingo zabo, nangokusoloko ekunye nabo, waziguqula izimilo zabo ekumileni ngokwasemhlabeni zibe nokumila kwezulu, zisuke ekutsaleleni kuzo zibe nokubingelela, zisuke ekungazini kwentliziyo encinane nasekutsibeleni ekugwebeni koko ziye kulwazi lweentliziyo ezibanzi nothando olukhulu lwemiphefumlo yazo zonke izizwe neentlanga, ngokunjalo yinjongo yale ncwadi ukumtyhila uMsindisi osikelelekileyo ukuze kuncedakale umfundi ngokuhlangana naYe ubuso ngobuso, intliziyo kwintliziyo, aze amfumane, njengoko benjenjalo abafundi bakudala, uYesu Onamandla Onke, osindisa “ngokupheleleyo,” abaguqulele kumfanekiso wobungcwele baKhe bonke abo beza kuThixo ngaYe. Noko kunjalo, hayi ubunzima bokutyhila ubomi baKhe! Kufana nokuzama ukuzoba umnyama okhangelwe ngamehlo; nokubhala phantsi umculo omyoli. ULw 13.1

Kumaphepha alandelayo, umbhali, umfazi omava abanzi, anzulu, nanethuba elide kwizinto zikaThixo, utyhile izinto ezintle nezintsha ebomini bukaYesu. Ukhuphe izinto ezingamagugu amaninzi kuvimba onexabiso. Waneke phambi komfundi ubutyebi angazange wabuphupha kwisisele esingenamlinganiselo. Ukukhanya okutsha nokunobuqaqawuli butshawuza buphuma kwiindawo eziqhelekileyo, kwinzulu apho ofundayo abona ngokungathi yimpalu ekukade waphakula kuyo. Ukukubeka ngamafutshane oku, uYesu Kristu utyhilwe ekukuphelela kukaThixo, uMsindisi waboni onenceba engaphele ndawo, iLanga loBulungisa, uMbingeleli oMkhulu ozaliswe yinceba, uMphilisi wazo zonke izifo nezigulo zabantu, uMhlobo onothando nemfesane, uMkhaphi othe rhoqo ngokuhlala ekhoeluncedo, iTshawe lendlu kaDavide, iKhaka labantu baKhe, uMthetheliwoxolo, uKumkani Ozayo,uSonini-nanini,inzaliseko nempumelelo yolangazelelo namathemba awo onke amaphakade. ULw 13.2

Phantsi kwentsikelelo kaThixo, le ncwadi inikelwa ehlabathini ngomthandazo wokuba iNkosi, ngoMoya wayo ingenza ukuba amazwi ale ncwadi abe ngamazwi obomi kwimiphefumlo elangazelelayo nenqwenelayo, kodwa engekaneliseki; ukuze “[ba]mazi, kwanamandla ovuko lwakhe, . . . nobudlelane naye ngeentlungu zakhe,” kuze kuthi, ekugqibeleni, kuye wonke unaphakade osikelelekileyo, ngasekunene kwaKhe, babelane “[nge]nzaliseko yemivuyo,” “[ne]mihlali ngonaphakade,” eya kuba sisiqhamo esivuthiweyo sabo bonke abafumana kuYe konke kuphelele, Lowo “[ungOwongamileyo ngaphezu kwamawaka alishumi,” “nOnqwenelekayo kwaphela (NKJV).” ULw 14.1

Abapapashi.