Izenzo Zabapostile

2/60

Isikhokelo

Incwadi yesihlanu yeTestamente eNtsha ibisakwaziwa njenge: IZenzo ZabaPostile; kodwa esi sihloko asifumaneki phakathi kuyo incwadi. Omnye weyona yokuqala imibhalo, iCodex Sinaiticus, unika njengesihloko igama elilula iZenzo, kungakhankanywa abapostile. Sikho isizathu soku. IZenzo kwakujongwe ukuba ziya kuba ngaphezulu kwembali yomsebenzi owenziwa ngabafundi abalishumi elinambini, ngaphezulu kakhulu kweziganeko eziphambili kumsebenzi wokuphila kwesine sabantu abaphambili, uPetros, uYakobi, uYohane, kunye noPawulos. IZ 5.1

Incwadi yeZenzo yabhalwa ngu“gqirha othandekayo,” uLuka, iNtlanga eyaguqukayo, ebhalela ibandla lonke, amaYuda kunye nabeeNtlanga ngokufanayo. Nangona ithabatha ixesha elingaphezulwana kwamashumi amathathu eminyaka, izele zizifundo ezibalulekileyo ebandleni layo yonke iminyaka. Encwadini yeZenzo, uThixo ubonisa ngokucacileyo ukuba umKristu namhlanje uya kuxhamla ubukho boMoya omnye oweza ngamandla ngePentekoste, wavuthela igospile ukuba ibe lilangatye. Imisebenzi kaMoya Oyingcwele ngoPetros ekunye noPawulos, noYohane ekunye noYakobi, kwakunye nabanye, ingaphindwa kubafundi beli xesha langoku. IZ 5.2

Ukuvela ithi shunqu xa iphela incwadi yeZenzo akuyiyo ingozi; kungabom ukuze kubonakale ukuba ibali aligqitywanga, nokuba izenzo zikaThixo ngomBhalo lo ziya kulandelelana kulo lonke ixesha lobuKristu — isizukulwana ngasinye esilandelayo sisongeza isahluko esizele bubuhlenamandlakweso singaphambikwaso. Izenzo ezibhalwe kule ncwadi imangalisayo zezona, ngokwenene, zizizenzo zikaMoya, kuba ngexesha labapostile yayinguMoya Oyingcwele owayebonakala njengomcebisi nomncedi weenkokeli zobuKristu. NgePentekoste, abafundi ababethandaza bazaliswa nguMoya bashumayela iindaba ezilungileyo ngamandla. Amadoda asixhenxe awanyulwa angabadikoni “azaliswa nguMoya Oyingcwele nobulumko.”Zenzo 6:3.NguMoya Oyingcwele owakhokelela ekubekweni izandla kukaSawule (9:17); ekwamkelweni kwabeeNtlanga kubudlelwane ebandleni (10:44-47); ekwahlulweni kukaBarnabas noSawule ekwenzeni umsebenzi wovangelo (13:2-4); kwiQumrhu eYerusalem (15:28); nakwiihambo zovangelo zikaPawulos (16:6, 7). Ngelinye ixesha elathi ibandla lafumana ubunzima obukhulu ezandleni zabatshutshisi bamaRoma namaYuda, nguMoya owawaxhasayo amakholwa wawagcina ukuba angenzi mposiso. IZ 5.3

Incwadi IZenzo Zabapostile yenye yeencwadi zokugqibela ezabhalwa nguEllen G. White. Yapapashwa kwiminyaka embalwa phambi kokufa kwakhe. Yenye yemiqulu enenkanyiso eyaphuma kusiba lwakhe oluze nokuninzi. Umfundi othanda ukuzifundela okulula uya kuzuza kuyo ukukhanya anokungqina ngako njengomKristu. Isigidimi sencwadi le sigqibelele, nokungena gingci kwaso kubonakala kwimizamo yombhali ukubonisa ukuba inkulungwane yamashumi amabini iya kukungqina ukuthululwa kwamandla kamoya okudlula oko kwePentekoste. Umsebenzi weendaba ezilungileyo awuyi kuvalwa ngembonakaliso engaphantsi yamandla kaMoya Oyingcwele kunalawo aphawula isiqalo sawo. IZ 6.1

Into yokuba umfundi anganayo inxaxheba ekuphindweni kokudlalwa kwale miboniso iqaqambileyo yebandla lokuqala, kuthi, ngelo xesha linye, akhuseleke koonomgogwana abanobuqhophololo botshaba lwemiphefumlo, ngumthandazo nomnqweno onyanisekileyo wa-- IZ 6.2

Bapapashi.