Izenzo Zabapostile

36/60

34—Ukusebenza Ngokuzinikela

Kubomi baKhe nakwizifundo zaKhe, uKristu unike isibonakalaliso solungiselelo olungatsaleli kulo olumveli yalo ikuThixo. UThixo akaziphileli. Ngokudala ihlabathi, nokuxhasa zonke izinto, uthe rhoqo elungiselela abanye. “Ngokuba ilanga lakhe elenza liphume phezu kwabakhohlakeleyo nabalungileyo; nemvula eyinisa phezu kwabalungisayo nabangalungisiyo.” Mateyu 5:45. Olu lungiselelo lungumgangatho onguwo uBawo ulunikele kuNyana waKhe. UYesu wanikwa ukuba eme abe yintloko yoluntu, ngomzekelo waKhe afundise ukuba kukuthini ukulungiselela. Ubomi baKhe bonke babuphantsi komthetho wokukhonza. Wakhonza konke, walungiselela kuko konke. IZ 359.1

UYesu wayethe rhoqo njalo ukuzama ukumisela umthetho-siseko waKhe kubafundi baKhe. Xa uYakobi noYohane babecela ukubekwa phambili, wathi, “Osukuba enga angaba mkhulu phakathi kwenu, makabe ngumlungiseleli wenu; nosukuba enga angaba ngowokuqala phakathi kwenu, makabe ngumkhozi wenu; kwanje ngokuba uNyana woMntu engezanga kulungiselelwa; weza kulungiselela, nokuncama ubomi bakhe, bube yintlawulelo yokukhulula abaninzi.” Mateyu 20:26-28. IZ 359.2

Kususela ekunyukeni kwaKhe, uKristu uwuhambisele phambili umsebenzi waKhe ngabameli [bobukumkani] abanyuliweyo, ekuthi ngabo athethe kubantwana babantu, alungiselele nakwiintswelo zabo. INtloko enkulu yebandla yongamela umsebenzi waYo ngezixhobo ezingabantu ezithanjiswe nguThixo ukuba zisebenze njengabameli baKhe. IZ 360.1

Isikhundla sabo babizwe nguThixo ukuba basebenze ngelizwi nangemfundiso ukuba bakhulise ibandla laKhe, singumthwalo onendili. Bathi, endaweni kaKristu, babongoza amadoda nabafazi ukuba baxolelaniswe noThixo, baye bangawuzalisekisa umsebenzi abawuthunyiweyo kuphela xa befumana ubulumko namandla avela ngasentla. IZ 360.2

Abalungiseleli bakaKristu bangabelusi babantu ababekwe phambi kwabo ukuba babakhathalele. Umsebenzi wabo ufaniswa nowabalindi [abagadi]. Ngamaxesha akudala, abalindi babebekwa phezu kweendonga zezixeko, apho, kwiindawo ezifanelekileyo, babenokubona iindawo ezibalulekileyo ababezigadile, baze banike isilumkiso salo naluphina utshaba oluzayo. Ukukhuseleka kwabo bonke ababengaphakathi kwakuxhomekeke ekunyanisekeni kwabo [abagadi]. Ngamaxesha amisiweyo, kwakufuneka bakhwazane, ukuqinisekisa ukuba bahleli, nokuba akukho ngozi ihlele nawuphi. Umkhwazo wokonwaba okanye wokulumkisa wawusuka komnye uye komnye, elowo ephinda umkhwazo lowo, uhlokome ude usijikeleze sonke isixeko. IZ 360.3

Kuye wonke umlungiseleli uYehova uthi: “Wena ke, nyana womntu, ndikwenze waba ngumboniseli kwindlu kaIsrayeli;woliva emlonyeni wam ilizwi, ubavuselele ngokuphuma kum. Ndakuthi kongendawo,Wenaungendawo,uyakufa,inene; usuke ungathethi wena, ukuba umvuselele ongendawo, emke endleleni yakhe: wofa yena ongendawo ngobugwenxa bakhe., ke igazi lakhe ndolifuna esandleni sakho. Wena ke, xa uthe wamvuselela ongendawo endleleni yakhe, ukuba abuye kuyo, . . . ke wena uwuhlangule umphefumlo wakho.” Hezekile 33:7-9. IZ 360.4

Amazwi omprofeti avakalisa uxanduva olunendili lwabo banyulwe njengabagadi bebandla likaThixo, amagosa eemfihlelo zikaThixo. Kumele beme njengabagadi phezu kweendonga zaseZiyon, ukuba bavakalise isandi sokulumkisa ngotshaba oluzayo. Imiphefumlo isengozini yokuwa phantsi kwesihendo, kwaye iya kutshabalala ngaphandle kokuba abalungiseleli bakaThixo banyanisekile koko bakugcinisiweyo. Ukuba, ngandlela ithile, ingqondo yabo iye yalala ukuze bangakwazi ukuyibona ingozi, kuze kuthi, ngokusilela kwabo ukunika isilumkiso, abantu batshabalale, uThixo uya kulifuna ezandleni zabo igazilabo balahlekileyo. IZ 361.1

Lilungelo labagadi phezu kweendonga zeZiyon ukuphila ngokwayama kuThixo, nokulungela ukwamkela umvambo woMoya waKhe, ukuze akwazi [uThixo] ukusebenza ngabo ukuxelela amadoda nabafazi ngengozi abakuyo, babakhombise kwindawo yokhuseleko. Bamele ukubalumkisa ngokunyanisekileyo isiphumo esiqinisekileyo sesikreqo, kwangokunyanisekileyo bakhusele izinto ezixatyiswe libandla. Alikho ixesha ekufuneka bakuyekelele ukuhlala bephaphamile. Owabo, ngumsebenzi ofuna ukuba kusetyenziswe sonke isiphiwo umntu anaso. Amazwi abo kufuneka aphakanyiswe ngokwexilongo, angaze avakale enesandi esithingazayo nesingaqinisekanga. Kufuneka basebenze bengasebenzeli mvuzo, kodwa kuba bengenakwenza ngakumbi, kuba beqonda ukuba kukho inkxwaleko ebazelayo ukubabayasilela ukushumayela iindaba ezilungileyo. Njengoko banyulwe nguThixo, batywinwa ngegazi ukuba basetyenziswe kokungcwele, kufuneka bahlangule amadoda nabafazi kwintshabalalo esondeleyo. IZ 361.2

Umlungiseleli ongumsebenzi kunye noKristu uya kuba nengqondo enzulu yobungcwele omsebenzi wakhe kunye nokusebenza nzima nombingelelo ofunekayo ukuze asebenze ngempumelelo. Akafuni okwakhe ukuchebeleza okanye ukulungelwa. Uyamlibala u-mna. Ekufuneni kwakhe izimvu ezilahlekileyo, akaziqondi ukuba yena udiniwe, uyagodola, nokuba ulambile. Injongo yakhe inye kuphela—ukusindisa oko kulahlekileyo. IZ 362.1

Lowo ukhonza phantsi kwebhanile enegazi kaImanuweli uya kwenza kuphela oko kufuna umzamo wobugorha nonyamezelo olunomonde. Isoldati lomnqamlezo lima phambili lingahlehliswa nto edabini. Luthi xa utshaba lunyanzelisa ukuhlasela kwalo,lisuke libhenele kuncedo enqabeni, lithi xa libeka eNkosini amadinga elizwi, lisuke lomelezelwe umsebenzi welo xesha. Liyasiqonda isidingo samandla avela ngasentla. Uloyisoeliluzuzayo alukhokeleli ekuziphakamiseni, kodwa kulenza layame ngakumbi nangakumbi kuLowo uyiNgangamsha. Xa exhomekeke kuloo Mandla, unikwa isakhono sokusinika isigidimi sosindiso ngamandla asenza sizingcangcazelise ezinye iingqondo. IZ 362.2

Lowo ufundisa ilizwi kufuneka ukuba yena abe noqhagamshelano olusezingqondweni lweeyure ngeeyure noThixo ngomthandazo nokufunda ilizwi laKhe, kuba kulapho ukhona umthombo wamandla. Ukuxhumana noThixo kunika imizamo yomlungiseleli amandla angaphezu kwempembelelo yokushumayela kwakhe. Akufuneki azivumele ukuba awavinjwe la mandla. Ngokunyaniseka okungenakuphikwa, kufuneka acengane noThixo ukuba amomeleze,amqiniseleumsebenzi nokulingwa, nokuba achukumise imilebe yakhe ngomlilo ovuthayo. Abameli bakaKristu bakholisa ukubambelela ngokuyekeyeke kwizinto ezingunaphakade. Ukuba abantu bafuna ukuhamba noThixo, uya kubafihla kwindawo enqabileyo eLiweni. Xa befihlakele ngolo hlobo, baya kumbona uThixo njengoko noMoses wambonayo. Ngamandla kunye nokukhanya athi abanike kona, baya kuqonda, benze okungaphezulu kunokuba becinga ngeengqondo zabo ezibona kufutshane. IZ 362.3

Ubuchule bukaSathana busetyenziswa ngempumelelo kwabo banomoya odakumbileyo. Xa ukutyhafisa kuthembisa ukugubungela umlungiseleli, makandlale phambi kukaThixo iimfuno zakhe. Kwakungexa izulu lalifana nobhedu phezu kwakhe, apho uPawulos wathembela ngokupheleleyo kuThixo. Wayeyazi intsingiselo yokubandezeleka ngaphezu kwabantu abaninzi; kodwa mphulaphule xa edanduluka ngoloyiso xa iinyawo zakhe zikhangele ngasezulwini, phofu ethintelwa sisilingo nenkcaso: “Ubukhaphukhaphu bembandezelo yethu eyeyomzuzwana busisebenzela ngokuncamise kwaphela ubuqaqawuli obukhulukazi obungunaphakade sakubon’ ukuba asixuneli ezintweni ezibonwayo, sixunela kwezingabonwayo.” 2 Korinte 4:17, 18. Amehlo kaPawulos ayehleli emiliselwe kokungabonwayo nokungunaphakade. Ngokwazi ukuba ulwa namagunya kweziphezulu iindawo, wakubeka ukuxhomekeka kwakhekuThixo, kwaye kumi apho ukomelela kwakhe. Kungokubona Lowo ungenakubonwa ekuthi ukomelela namandla omphefumlo azuzwe ukuze kwaphulwe amandla omhlaba engqondweni nasesimilweni. IZ 363.1

Umfundisi kufuneka axubane ngokukhululekileyo nabantu abasebenzelayo, ukuze, ngokuqhelana nabo akwazi ukulungelelanisa iimfundiso zakhe neentswelo zabo. Akuba umfundisi eyenzile intshumayelo,kukonauqalayoumsebenziwakhe. Kukho umsebenzi womntu ekufuneka ewenzile. Kufuneka atyelele abantu emakhayeni abo, athethe, athandaze nabo ngokunyaniseka nokuzithoba. Zikho iintsapho ezingasayi kuze zifikelelwe ngeenyaniso zelizwi likaThixo ngaphandle kokuba amagosa obabalo lwaKhe angene emakhayeni abo, abakhombise kwindlela ephakamileyo. Kufuneka ke ngoko, iintliziyo zabo benza lo msebenzi zibethe kunye nentliziyo kaKristu. IZ 363.2

Kuninzi okuqondakalayo kumyalelo othi, “Phuma uye ezindleleni, nasezintangweni, ubanyanzele bangene, ukuze indlu yam izale.” Luka 14:23. Abalungiseleli mabafundise inyaniso ezintsatsheni, basondele kwabo babasebenzelayo, kuthi xa besebenzisana kunye noThixo, abambathise ngamandla kaMoya. UKristu uya kubakhokela emsebenzini wabo, abanike amazwi okuthetha aya kuthi angene nzulu ezintliziyweni zabo babaphulaphuleyo. Lilungelo lomlungiseleli ngamnye ukukwazi ukuthi kunye noPawulos, “Andinifihlelanga nto; ndanityela lonke icebo likaThixo.” “Andinifihlelanga nto, ndanityela onke amalungelo; ndanifundisa ekuhleni nakwizindlu ngezindlu, . . . ukuguqukela kuThixo, nokukholwa kuyo iNkosi yethu, uYesu Kristu.” Zenzo 20:27, 20, 21. IZ 364.1

UMsindisi wayengena kumakhaya ngamakhaya, ephilisa abagulayo, ethuthuzela abakhedamileyo, ethomalalisa ababandezelekileyo, ethetha uxolo kwabangathuthuzelekiyo. Wayebathabathela ezingalweni zaKhe abantwana abasikelele, athethe amazwi ethemba nentuthuzelo koomama abadiniweyo. Wayehlangabezana nalo lonke usizi nokubandezeleka ngovelwano nobubele obungapheliyo. Wayengasebenzeli isiqu saKhe, kodwa esebenzela abanye. Wayengumkhonzi wabo bonke. Ukutya nokusela kuYe kwakuxa ezisa ithemba nokomelela kubo bonke awayehlangana nabo. Xa amadoda nabafazi babephulaphule iinyaniso ezaziphuma emilebeni yaKhe, yahluke kakhulu kwizithethe nemimiselo yoorabhi, iintliziyo zabo zaziphuphuma ithemba. Ekufundiseni kwaKhe kwaye kukho ukunyaniseka okwakuwenza avakale ngegunya eloyisayo amazwi aKhe. Abalungiseleli bakaThixo kufuneka bafunde indlela yokusebenza kaKristu, baze bafumane kuvimba welizwi laKhe oko kuya kwanelisa izidingo zasemoyeni kwabo basebenzela bona. Kungaloo ndlela kuphela abanokuthi bafezekise oko bakuphathisiweyo. Lo Moya mnye wayehleli ngaphakathi kuKristu xa wayebanika umyalelo awayehlala ewufumana, kufuneka ube lithende lolwazi nemfihlelo yamandla abo ekuthwaleleni phambili emhlabeni wonke umsebenzi woMsindisi. IZ 364.2

Kukho abasebenze nzima njengabalungiseleli abaye basilela ukuba nempumelelo kuba bengakhange banike umdla opheleleyo umsebenzi weNkosi. Abalungiseleli akufuneki babe nomdla kwizinto ezithimbela ingqondo yabo bucala, ngaphandle komsebenzi omkhulu wokukhokelela imiphefumlo kuMsindisi. Abalobi beentlanzi awababizayo uKristu, bayishiya kwangoko iminatha yabo bamlandela. Abalungiseleli abanako ukuwenza umsebenzi owamkelekileyo kaThixo kwangelo xesha linye bethwele imithwalo emikhulu yamashishini abo. Oko kwahlukana phakathi komdla kuyayifiphalisa imbono yabo yasemoyeni. Ingqondo nentliziyo zixakeka zizinto zasemhlabeni, uze umsebenzi kaKristu uthabathe indawo elandelayo. Bafuna ukuqulunqa umsebenzi kaThixo ngokweemeko zabo, endaweni yokuqulunqa iimeko zabo ukuze zihlangane nokufunwa nguThixo. IZ 365.1

Amandla omlungiseleli afuneka wonke kubizo lwakhe lwangasentla. Awona mandla akhe angawo ngakaThixo.Akufunekiazixakekisengokuthengaethengisaokanyenaliphielinyeishishinielinokwenza aphume ecaleni kumsebenzi wakhe omkhulu. UPawulos wathi, “Akukho namnye uthi, ephuma umkhosi, azibhijele ngemicimbi yobu bomi; ukuze amkholise lowo umnyulele ukuphuma umkhosi.” 2 Timoti 2:4. Wakubethelela ngolo hlobo umpostile ukudingeka kokuzinikela ngokupheleleyo komlungiseleli emsebenzini weNkosi. Umlungiseleli ozinikele wonke kuThixo uyala ukuba seshishinini eliya kumphazamisa ekuzinikeleni ngokupheleleyo kubizo lwakhe olungcwele. Akalweli luzuko okanye ubutyebi behlabathi; injongo yakhe eyodwa asikuko ukuziqwebela ubutyebi kweli lizwe, kodwa kukuzisa kwingqwalasela yabo bangakhathaliyo nabanganyanisekanga ubunyaniso bobukho bezinto zikanaphakade. Angacelwa ukuba angene kumashishini athembisa ingeniso enkulu ngokwelizwe, kodwa kwizilingo ezinjalo uphendula athi, “Komnceda ntoni na umntu, ukuba uthe walizuza ihlabathi liphela, wazawonakalelwangumphefumlowakhe?” Mark 8:36. IZ 365.2

USathana wabeka lo mnatha phambi kukaKristu, esazi ukuba xa athe [uKristu] wavuma, ihlabathi alisayi kuze lihlangulwe. Usasizisa kwasona esi sihendo ngandlela yimbi kubalungiseleli bakaThixo namhlanje, esazi ukuba abo abalukuhlileyo ngaso abayi kunyaniseka koko bakuphathisiweyo. IZ 366.1

Asiyiyo intando kaThixo ukuba abalungiseleli baKhe bafune ukuba zizityebi. Ngokubhekiselele koku, uPawulos wabhalela uTimoti: “Kuba ukuthanda imali yingcambu yeento zonke ezimbi; abathe abathile, ngokuzolulela kuko, balahlekana nokholo, bazibhodloza ngobuhlungu obuninzi. Kewena, mntukaThixo, zibaleke ezo zinto; phuthuma ke ubulungisa, ukuhlonela uThixo, ukholo, uthando, unyamezelo, ubulali.” Ngomzekelo nangomthetho, ummeli kaKristu “[maka]bathethele bangakratshi, bangathembeli butyebini bungagqalekiyo; mabathembele kuThixo ophilileyo, obeka phambi kwethu izinto zonke ngokobutyebi, ukuba zidliwe; benze okulungileyo, babe zizityebi zemisebenzi emihle, babe nokwaba kakuhle, babe nobudlelane; baziqwebele isiseko esihle, base exesheni eliza kuza, ukuze babubambe ubomi obungunaphakade.” 1 Timoti 6:10, 11, 17-19. IZ 366.2

Amava kampostile uPawulos kunye nemfundiso yakhe ngokubhekisele kubungcwele bomsebenzi womlungiseleli, zilithende loncedo nenkuthazo kwabo basemsebenzini wolungiselelo lweendaba ezilungileyo. Intliziyo kaPawulos ivutha luthando kuboni, waza wawafaka onke amandla akhe emsebenzini wokusebenzela ukuzuza imiphefumlo. Akazange wabakho umsebenzi ozilandulayo nonenzondelelo [njengaye]. Iintsikelelo awazifumanayo wazixabisa njengezinto ezintle zokusetyenziselwa ukusikelela abanye. Akazange aliyeke ithuba lokuthetha ngoMsindisi okanye lokunceda abo basengxakini. Wayesiya kwiindawo ngeendawo eshumayela iindaba ezilungileyo ezingoKristu eseka namabandla. Kuyo yonke indawo awayenokumanyelwa kuyo, wayekhalimela ububi, aziphethulele iinyawo zamadoda nabafazi kwindlela yobulungisa. UPawulos akazange awalibale amabandla awayewasekile. Emva kokubaenze uhambo lovangelo, yena noBharnabhas babuya kwangendlela ababehambe ngayo betyelela amabandla ababewaqalile, bekhetha kuwo amadoda abanokuwaqeqesha ukuba ahlangane ekuvakaliseni iindaba ezilungileyo. IZ 367.1

Olu phawu lomsebenzi kaPawulos lunesifundo esibalulekileyo kubalungiseleli banamhlanje. Umpostile wakwenza ukuba kube yinxalenye yomsebenzi wakhe ukuqeqeshela amadodana umsebenzi wobulungiseleli. Wayehamba nawo kwiihambo zakhe zokuvangela, aze, ngokwenjenjalo, azuze amava athi kamva awenze ukuba alungele ukuthabatha izikhundla zomthwalo [womsebenzi]. Wayesithi, naxa ahlukene nawo, asoloko eqhagamshelana nawo ngomsebenzi wawo, njengoko iileta zakhe eziya kuTimoti nakuTito zisisibonakaliso sobunzulu bolangazelelo olunzulu lwakhe lokubabona bephumelela. IZ 368.1

Abasebenzi abanamava namhlanje benza umsebenzi ohloniphekileyo xa besithi, endaweni yokuthwala yonkeimithwalo ngokwabo, basuke baqeqeshe abasebenzi abatsha kunabo, babeke imithwalo emagxeni abo. IZ 368.2

UPawulos akazange awulibale umthwalo owawubekwe phezu kwakhe njengomlungiseleli kaKristu, okanye ukuba ithe imiphefumlo yalahleka ngenxa yokunganyaniseki kwakhe, uThixo uya kumenza aphendule. Xa ethetha ngeendaba ezilungileyo uthi, “endaba ngumlungiseleli walo [ibandla] mna ngokokugosisa kukaThixo, awandigosisa ngako kuni, ukuba ndizalise ilizwi likaThixo, kwimfihlelo, leyo ke ibifihliwe kwasemaphakadeni nasezizukulwaneni; kukalokunje ibonakalalisiweyo kubo abangcwele bakhe, awathandayo uThixo ukubazisa bona into obuyiyo ubutyebi bozuko lwaloo mfihlelo phakathi kwazo iintlanga, obunguKristu phakathi kwenu, ithemba lozuko. Sazisa yena ke thina, siluleka wonke umntu, sifundisa wonke umntu ngabo bonke ubulumko, ukuze simise wonke umntu egqibelele ekuKristu Yesu; endibulalekela kona oko, ndizama ngokokusebenza kwakhe okusebenzayo kum ngamandla.” Kolose 1:25-29. IZ 368.3

La mazwi abeka phambi komntu osebenzela uKristu umgangatho ophezuluwokufikelelwa, kwaye banako ukufikelela kulo mgangatho bonke abo bazibeka phantsi kolawulo lweTitshala eNkulu, bafunde yonke imihla esikolweni sikaKristu. Amandla omyalelo kaThixo awunamda, aze umlungiseleli othi kwintswelo yakhe enkulu azivalele kunye neNkosi aqinisekiswe ukuba uya kufumana oko kuthi kubaphulaphuli bakhe kube yincasa yobomi obukhokelela ebomini. IZ 368.4

Imibhalo kaPawulos ibonisa ukuba umlungiseleli weendaba ezilungileyo kufuneka abe ngumzekelo weenyaniso azifundisayo, “kungabikho namnye esimmisela isikhubekiso, nokuba kukuwuphina umcimbi, ukuze ulungiselelo lwethu lungabi nakubekwa bala.” Ngokowakhe umsebenzi, usishiye nomfanekiso kwileta yakhe eya kumakholwa aseKorinte: “Sisuka sithi emicimbini yonke, siziqondakalise ngokwabalungiselelibakaThixo, ngokunyamezela okukhulu, sisezimbandezelweni, sisezingxakekweni, sisezingxinanweni, sinemivumbo, sisezintolongweni, siseziphithiphithini, sibulaleka, singalali, sizila ukudla, sinobunyulu, sinokwazi, sinokuzeka kade umsindo, sinobubele, sinoMoya Oyingcwele, sinothando olungahanahanisiyo, sinelizwi lenyaniso, sinamandla kaThixo, sineentonga zobulungisa zasekunene nezasekhohlo, sikuzuko nakwintswela-mbeko, sikudumo olubi nakudumo oluhle; ngathi singabalahlekisi, ukanti singabenyaniso; ngathi singabangaziwayo, ukanti singabaziwayo; ngathi singabafileyo, nanku sisidla ubomi; ngathi singababethwayo, singabulawa noko; ngathi sibuhlungu, ukanti singabahlala bevuya; ngathi singamahlwempu, ukanti singabatyebisa abaninzi; ngathi singabangenanto, ukanti singabahlala benezinto zonke.” 2 Korinte 6:3, 4-10. IZ 369.1

Wabhalela uTito wathi: “Kwangokunjalo amadoda amatsha wayale ukuba abe nesidima. Ezintweni zonke zenze umzekelo wemisebenzi emihle; emfundisweni uba ngomsulwa, ngondilekileyo, ngolizwi liphilileyo, lingenakugwetywa; ukuze ochasayo abe neentloni, engenanto imbi yakuthetha ngani.”Tito 2:6-8. IZ 369.2

Akukho nto ixabiseke kakhulu emehlweni kaThixo ngaphezu kwabalungiseleli baKhe, abaphuma baye kwiindawo ezimagqagala zomhlabaukubabahlwayele imbewu yenyaniso,bekhangele esivunweni. NguKristu kuphela onokulinganisa inkathalo yokufunwa kwabalahlekileyo ngabasebenzi baKhe. Ubanika uMoya waKhe ukuze kuthi, ngamalinge abo, imiphefumlo ikhokelwe ibuye esonweni ize ebulungiseni. IZ 369.3

UThixo ubiza amadoda anentumekelelo yokushiya iifama zawo, amashishini awo, ukuba kuyenzeka iintsapho zawo, ukuba abe ngabavangeli baKhe. Ubizo luya kuphendulwa. Kwixesha elidlulileyo kube kukho amadoda awathi, ephehlwa luthando lukaKristu kunye neentswelo zabalahlekileyo, ashiya ukonwaba kwamakhaya kunye namaqela abahlobo, nobabafazi kunye nabantwana, aza aya kumazwe akude, phakathi kwabantu abanqula izithixo namazim, ayokuvakalisa isigidimi senceba. Abaninzi, kweli linge, balahlekwa bubomi babo, kodwa kwavuswa abanye ukuba bawuthwale umsebenzi. Inyathelo ngenyathelo waya ubheka phambili umsebenzi kaKristu, imbewu eye yanika isivuno esikhulu yahlwayelwa. Ukumazi uThixo kuye kwandiswa ngokubanzi, ibhanile yomnqamlezo yaphakanyiswa kumazwe obuhedeni. IZ 370.1

Umlungiseleli kufuneka azisebenzise zonke izixhobo zakhe ngokupheleleyo ukuzama ukuguqula umoni nje omnye. Umphefumlo uThixo awudalileyo waza uKristu wawuhlangula unexabiso elikhulu ngenxa yamathuba avulekileyo phambi kwawo, ubuhle basemoyeni obuphiweyo, izakhono onokuba unazo xa zinokuvuselelwa lilizwi likaThixo, nokungafi onokukuzuza ngethemba elinikwa ngeendaba ezilungileyo. Ukuba uKristu washiya ezingamashumi alithoba nethoba ukuze afune asindise imvu enye elahlekileyo, singaba siyalungisa na thina xa sinokwenza nganeno koko? Ingaba asikuko na ukungcatsha oko sikuphathisiweyo, nokunyelisa uThixo, ukutyeshela ukusebenza njengoko wenzayo uKristu, ukuzincama njengoko wazincamayo? IZ 370.2

Intliziyo yomlungiseleli onyanisekileyo izaliswa lulangazelelo olunzulu lokusindisa imiphefumlo. Ixesha namandla aye achithwe, awaphetshwa amalinge anzima, kuba kufuneka abanye bazive iinyaniso ezazisa kowakhe umphefumlo ulonwabo olukhulu, uxolo novuyo. UMoya kaKristu uhlala phezu kwakhe. Uyiphaphamela imiphefumlo ngokomntu ekufuneka enike ingxelo. Athi amehlo akhe emiliselwe emnqamlezweni waseKhalvari, ambone uMsindisi, axhomekeke elubabalweni lwaKhe, ekholwa nokuba uya kuba naye ngenye imini, njengekhaka lakhe, amandla akhe, ukuphumelela kwakhe, asuke amsebenzele uThixo. Uthi ngezimemo nezicengo, ezihlangene nengqinisekiso zothando lukaThixo, afune ukuzuzela uYesu imiphefumlo, aze ezulwini abalwe kunye nabo “babiziweyo, banyuliweyo, bathembekileyo.” IsiTyhilelo 17:14. IZ 371.1