Ulungiselelo Lwempiliso

77/179

Imithetho-Siseko Yempilo

20—Ulwazi Ngempilo Jikelele

Ukwazi ukuba umntu umele abe yitempile kaThixo, ikhaya lokutyhila ubuqaqawuli baKhe, kumele kube yeyona nkuthazo iphakamileyo yokukhathalelwa nokuphuhliswa kwamandla ethu omzimba. Ngokoyikekayo nangokumangalisayo uMdali wawenza umzimba womntu, kwaye esithi masiwenze isifundo sethu, siqonde izidingo zawo, sidlale indawo yethu ekuwugcineni ekonakalisweni nasekungcolisweni. UL 210.1