Ulungiselelo Lwempiliso

1/179

Ulungiselelo Lwempiliso

Ingabula-Zigcawu

Ihlabathi liyagula, kwaye kuyo yonke indawo abahlala kuyo abantwana babantu, ukugula kuya kubheka phambili. Macala onke kufunwa ukukhululeka. UL 4.1

Asiyiyo injongo yoMdali ukuba uluntu lusindakale ngumthwalo wentlungu, ukuba ukusebenza komntu kuphazanyiswe kukugula, ukuba aphelelwe ngamandla, nokuba ubomi bakhe bunqanyulwe sisifo. Noko kunjalo, kukholisa ukuba imithetho eyamiswa nguThixo yokulawula ubomi yaphulwe ngokungakhathali; isono singena entliziyweni, umntu alahlekwe ngumbono wokuxhomekeka kwakhe kuThixo, olithende lobomi nempilo. Emva koko kulandela izohlwayo zokugqithwa komthetho—intlungu, ukugula, ukufa. UL 4.2

Ukuqonda imithetho elawula umzimba, nokuphila ngendlela ehambelana nale mithetho luxanduva oluphambili ngokubaluleka. Kuyadingeka ukuziqonda iimeko ezizisa ulonwabo lwenene--ikhaya elonwabileyo, ukuthotyelwa kwemithetho yobomi, ulwalamano olululo lwabantu, omnye nomnye. UL 4.3

Xa kukho ukugula, kuyafuneka ukuba sisebenzise izenzeleleli ezahlukeneyo ezithi, ngokusebenzisana namalinge endalo, zibe nokuyakha imizimba yethu ziyibuyisele impilo. Kukwakho nombuzo omkhulu nobaluleke ngokumangalisayo—owolwalamano lwethu noMdali, owathi kwasekuqalekeni wamnika umntu ubomi bakhe, wenza wonke umsindleko wokuba umntu aqhubeke nokonwaba, nothi ngoku akubonise ukukuthanda kwaKhe ukuba umntu onwabe. UL 4.4

Kulo mqulu, umbhali, intokazi enamava abanzi kwimicimbi ephathekayo yobomi, neyasikelelwa ngokukodwa ngembono enqabileyo yolwazi, ethe yasondeza kuye wonke utata nomama, yonke indoda nentokazi, kongafundanga kangako noqeqeshiweyo emfundweni, indyebo yolwazi ngobomi nemithetho yabo, ngempilo noko ikufunayo, ngesifo nendlela yokusinyanga, ngokugula komphefumlo nomathunga waseGiliyadi wokuwuphilisa. UL 4.5

Le ncwadi ibhalwe ngolwimi olucacileyo, olulula, nolumnandi, oluyimfundiso kumfundi, oluzaliswe lithemba kophelelwe lithemba, uchulumanco kogulayo, nophumlo kodiniweyo. Kumashumi aliqela eminyaka, inike isigidimi soncedo kumakhulu amawaka, njengoko yakhutshwa yaphindaphindwa kumazwe amaninzi, ngentaphane yeelwimi ezithethwayo. UL 4.6

Eyokuba lo msebenzi, onika indlela elungileyo, esityhilela ngendlela elula, ubomi obulula nobumnandi, obuzaliswe luvuyo nokonwaba, nendawo yoko kusebenza kuluncedo “ekukupha okunoyolo ukunokuphiwa,” ingawufeza ngokupheleleyo umsebenzi wayo, lithemba elinyanisekileyo lwabapapashi: UL 5.1

The Trustees of the Ellen G. White Publications.

Iinguqulelo ZeBhayibhile ZesiXhosa Ezisetyenzisiweyo Zimbini:

Eyokuqala: IZIBHALO EZINGCWELE: U‘Hlaziyo lweNguqulo yeMvumelwano, kuHlaziyo loBhalo-magama oluVunyiweyo, uhlelo lwethoba 1975.’ [Yeyona isetyenzisiweyo koku kuguqulwa kwale ncwadi.]

Eyesibini: IBHAYIBHILE: Inguqulelo entsha egqityezelwe ngowe-1996. Xa kucatshulwe kuyo kubhalwa IBHAYIBHILE emva kwaloo ndima icatshulweyo.

UMFUNDI MAKAQAPHELE OKU

Kukho amagama ekunzima ukuwaguqula kuba awafumaneki esiXhoseni. Kwezinye iindawo afakwe esisiNgesi kuba awalungi nakuFonetiko. Ngamagama anje ngala azindidi ezahlukeneyo zamandongomane namaqunube. Umfundi wanga angaqonda ukuba akuthethwa ngomsobosobo, isiphingo, umnqabaza, iinongwe, nezinye izinto ezifana nezo. Makancede ke awamkele amagama aye afakwa esisiLungu enjalo.