IMBAMBANO ENKULU

1/44

IMBAMBANO ENKULU

INGABULA-ZIGCAWU

Le ncwadi, mfundi, ayipapashelwanga ukuba isixelele ukuba kukho isono, usizi, nentlungu kulo mhlaba. Sikwazi kakuhle konke oko. Le ncwadi ayipapashwa ukuba isixelele ukuthi kukho imbambano engekhe ixolelaniswe phakathi kobumnyama nokukhanya, kwesono nobulungisa, kokukhohlakeleyo nokulungileyo, kokufa nobomi. Ngaphakathi entliziyweni yethu, siyayazi loo nto, kwaye siyazi ukuba sinenxaxheba, singabadlali, kuloo mbambano. IE18 6.1

Ke, kuthi sonke ngabanye, luyafika ngamaxesha athile ulangazelelo lokwazi ngakumbi ngembambano enkulu. Yaqala njani imbambano? Okanye ingaba yayihleli ikho kakade? Zeziphi iziqalelo ezingenelelayo kumba wayo oxhakaxhaka? Mna ndingena phi kuyo? Luyintoni olwam uxanduva? Mna ndizifumene ndikulo mhlaba kungengakukhetha kwam. Ingaba oko kuthetha ububi okanye okulungileyo kum? IE18 6.2

Ithini imithetho-siseko emikhulu ebandakanyekayo? Iya kuqhuba kude kube nini imbambano? Siya kuba yintoni isiphelo sayo? Ingaba lo mhlaba uya kutshona, ngokutsho kososayensi, kwinzulu yobusuku obungenalo ilanga, ungumkhenkce? okanye ingaba likho na ikamva elingcono elinemitha yokukhanya kobomi, elifudumele luthando lukaThixo olungunaphakade? IE18 6.3

Umbuzo uyasondela: Ingapheliswa njani, ngonaphakade, imbambano kweyam intliziyo, yokulwa phakathi komona ongenayo nothando oluphumayo, kuloyiso lokulungileyo? Ithini iBhayibhile? Unokusifundisa ntoni uThixo ngalo mbuzo ubaluleke ngonaphakade kuwo wonke umphefumlo? IE18 6.4

Sihlangana nemibuzo enje macala onke. Izingisile ukubakho iphuma kwiinzulu zentliziyo yethu. Ifuna impendulo eqinisekileyo. IE18 6.5

Ngokuqinisekileyo, uThixo owadala ngaphakathi kwethu ukulangazelela okungcono, ukunqwenela inyaniso, akasayi kusivimba impendulo kulo lonke ulwazi oludingekayo: kuba “ayikhe yenze into iNkosi uYehova, ingathanga iluhlakaze ucweyo lwayo kubakhonzi bayo abaprofeti.” IE18 6.6

Yinjongo yale ncwadi, mfundi, ukunceda imiphefumlo ekhathazekileyo ngesisombululo esilungileyo kuzo zonke iingxaki. Ibhalwe ngumntu okungcamleyo, wakufumana ukuba uThixo ulungile, nokufundileyo ukuthetha naYe, nofunde ezwini laKhe ukuba, imfihlelo yeNkosi inabo bayoyikayo, nokuba iya kubabonisa umnqophiso waYo. IE18 6.7

Ukuze sibe nokuyiqonda kakuhle imithetho-siseko yembambano ebaluleke kakhulu, ekubandakanyeke kuyo ubomi bendalo yonke, umbhali ubeke phambi kwethu, izifundo ezikhulu neziphathekayo zemizekeliso yeenkulungwane ezingamashumi amabini edlulileyo. IE18 7.1

Le ncwadi ivula ngemiboniso elusizi yembali yokugqibela yeYerusalem, umzi onyuliweyo kaThixo, emva kokuba wale uMntu waseKalvari, owayeze kusindisa. Ukususela apho ukubheka phambili, kwindlela yezizwe, isikhombise iintshutshiso zabantwana bakaThixo kwiinkulungwane zokuqala; ukreqo olukhulu olwathi ngcembe emva kwebandla laKhe; intshukumo enkulu yoHlaziyo, ekwabonakalaliswa kulo ngokucacileyo imithetho-siseko emikhulu yembambano; isifundo esoyikekayo sokwaliwa kwemithetho-siseko elungileyo yiFrance; ukuvuselelwa nokuphakanyiswa kweziBhalo, nempembelelo yobuhle bazo esindisa umphefumlo; ukuvuselelwa kwenkolo yemihla yokugqibela; ukuvulwa komthombo okhanyayo welizwi likaThixo, nezityhilelo zalo zokukhanya nolwazi lokuqubisana neentshukumo ezithiyekileyo kulo lonke uvukelo lolahlekiso lobumnyama. IE18 7.2

Idabi elikhoyo apha ngaphambili, nemithetho-siseko ephilileyo ebandakanyekayo, ekungayi kubakho ndilele kuyo, ibekwe ngokulula, ngokucacileyo, nangamandla. IE18 7.3

Ekugqibeleni, sixelelwa ngoloyiso olungunaphakade noluzukileyo lokulungileyo phezu kokubi, okuhle phezu kwemposiso, ukukhanya phezu kobumnyama, ubomi phezu kokufa, nothando olunonyamezelo olungunaphakade phezu kwentiyo enempindezelo. IE18 7.4

Ukususela kuhlelo lwayo lokuqala (1888), olwalandelwa luhlaziyo lombhali (1911), lo msebenzi ubalaseleyo ulijikeleze lonke ihlabathi ngeentlelo neenguqulelo ezininzi. Umfundi uya kufumanisa ukuba umbhali uthetha phandle nangamandla, esalatha iimposiso esiza nezisombululo ezisekwe elizwini likaThixo elingenakuphazama. IE18 7.5

Nangona kwiqela leminyaka yamva nje kukho ukushenxa okuthile nohlengahlengiso kwimbali yenkolo ehlabathini, umongo, nokubona kwixesha elizayo okubekwe kule ncwadi, kuyigcine le ncwadi isexesheni elililo kwanomtsalane owenza umdla omkhulu. IE18 7.6

Iintlelo ezingaphambili zale ncwadi, zisondeze imiphefumlo emininzi kuMalusi oyiNyaniso; kwaye, ngumthandazo wabapapashi ukuba, olu uhlelo lube nesiqhamo esongeziweyo sokulungileyo kube phakade. IE18 7.7

Abapapashi.