Ithemba Elikhulu

6/11

6—Uxolo Lwenene

Kuyo yonke indawo apho liye lashunyayelwa ngokunyanisekileyo iLizwi likaThixo, iziphumo ziye zangqina ukuba liphuma engcweleni. Aboni baziva zivuswa izazela zabo. Ukoyiseka okukhulu kubakho ezingqondweni nasezintlisziyweni zabo. Bafikelwa yingqondo yobulungisa bukaThixo, bakhale bathi: “azi ngubani na oya kundihlangula kulo mzimba woku kufa? Roma 7:24. Ngokuya kutyhilwa umnqamlezo, babona kuphela uKristu onokubacamagushela izikreqo zabo. Kungegazi likaYesu abathi bazuze uxolelo “kwizono ezibe zenziwe ngenxa engaphambili”. Roma 3:25. ItE 59.1

Le miphefumlo yakholwa, yabhaptizwa, yavuka yahamba inobomi obutsha, ngokholo loNyana kaThixo ukuba ilandele kumanyathelo aKhe, ibonakalise isimilo saKhe, ize izenze nyulu njengokuba naYe enyulu. Izinto ababezithiyile, ngoku baya zithanda, nezinto ababezithanda, ngoku bazithiyile. Inxila libuyela ezingqondweni, obeziphethe kakubi, ngoku unyulu. AmaKristu awafunanga ihombo yangaphandle: ukuphothwa kwenele, igolide nokunxiba mbejembeje koko afuna ihombo yentliziyo enobulali; into elixabiso kuThixo. (Funda u -1 Petros 3:3,4). ItE 59.2

Naxa imvuselelo zazinezibheno kuboni: iziqhamo azibonakalanga ngokuya betshona esonweni kodwa ngovuyo bazibona ukuba bakufanele ukubulaleka ngenxa kaKristu. Abantu balubona utshintsho kwizimilo zabo; kwimvuselelo yenkolo kwiminyaka eyadlulayo. ItE 60.1

limvuselelo ezininzi zale mihla yangoku, zinomahluko omkhulu. Yinyaniso yona into yokuba baninzi abathi baguqukile, yaye makhulu namanani abantu abangena emabandleni. Zona iziphumo aziyiqinisekisi inkolo yokuba kukho ukukhula kubomi basemoyeni ngenene (ukukhula okufana noku kwamanani). Ukukhanya kubakho nje umzuzwana, kuphinde kucime. ItE 60.2

limvuselelo ezithandwa kakhulu zezivuse uchulumanco lokuziva uchukumisekile: zona ke, zanelisa inkanuko yokuthanda izinto ezintsha nezidlamkisayo. Abaguqukayo abalangazeleli nokuphulaphula inyaniso yeBhayibhile. Ukuba inkonzo ayinanto ivusafudlamko, ayinamtsalane kubo. ItE 60.3

Umphefumlo ngamnye oguquka ngokwenene kuThixo uthanda ukuthetha ngobudlelane noThixo kunye nezinto zikanaphakade. Uphi kula mabandla athandwayo anamhla, umoya wokuzinikela kuThixo? Abaguqukayo abahlukani nekratshi nokuthanda ihlabathi. Abanantumekelelo yokuzincama, balandele uYesu onobulali nothobekileyo ngaphezu kokuba babenjalo bengekaguquki. Ubuthixo, phantse bube bumkile kumabandla amaninzi. ItE 60.4

Abalandeli BakaKristu Benene

Kuphangalele kunjalo ukuhla kokholo, bakho abalandeli bakaKristu benene kula mabandla. Phambi kokuba zifike izibetho zokugqibela zikaThixo kulo mhlaba, kuya kubakho phakathi kwabantu bakathixo, uvuselelo lobuthixo bakuqala obungazange bubonwe kususela kwixesha labapostle. U-Moya kaThixo uya kuthululwa. Abefundisi abaninzi kunye nabantu, baya kuzamkela inyaniso ezinkulu ezilungiselela abantu ukuwuthintela lo msebenzi yaye (uSathana) uyakuthi, phambi kokuba lifike ixesha laloo nto, azame ukuyinqanda ngokuthi aveze unomgogwana. Uya kwenza ukuba ibe ngathi intsikelelo kaThixo igalelwe phezu kwaloo mabandla akwaziyo ukuwabeka phantsi kolawulo Iwakhe. Izihlwele ziya kuvuya zithi, “U-Thixo usebenza ngendlela emangalisayo, ukanti umsebenzi wenziwa ngomnye umoya. Phantsi kokuzimilisa okwenkolo, uSathana uya kuzama ukuyihlwayela impembelelo yakhe kulo lonke elimiweyo lobuKristu. Kobakho uvuyo nochulumanco ukuhlangana kwenyaniso nobuxoki, konke kulungiselwe ukulahlekisa. ItE 60.5

Kanti ke, ekukhanyeni kweLizwi likaThixo, akukho nzima ukuqaphela indalo yeentshukumo. Naphina apho abantu batyeshela iLizwi likaThixo, bemke kwinyaniso ecacileyo, inyaniso ewuvavanyayo umphefumlo - efuna umntu azincame, alishiye ihlabathi, apho ke, singaqiniseka ukuba ayithululwanga intsikelelo kaThixo. Ngokomthetho othi, “Nobaqonda ngeziqhamo zabo. “(Mateyu 7:16), kuyacaca ukuba ezi ntshukumo azinguwo umsebenzi woMoya kaThixo. ItE 61.1

linyaniso zeLizwi likaThixo zilikhaha ekukhohliseni kukaSathana. Ukutyeshelwa kwezi nyaniso kuvalele ububi obuthe sa ehlabathini. Ukubaluleka komthetho ongcwele kaThixo kulahleke kakhulu ezingqondweni. Ingqiqo ephuthileyo yomthetho ongcwele ikhokhelele kwiziphoso ekuguqukeni nasekungcwalisweni, yawuthoba umgangatho wobungcwele.llele apho ke into yokusweleka koMoya kaThixo kwiimvuselelo zeli xesha lethu. ItE 61.2

Umthetho wenkululeko

Abefundisi abaninzi bathi uKristu, ngokufa kwaKhe, wawubhangisa umthetho. Abanye bawubeka njengedyokhwe enzima, nokuba ngokuchasene “nobukhoboka” bomthetho, bona bazisa inkululeko abayixhamla phantsi kweendaba ezilungileyo (kwiGospile). ItE 62.1

Abaprofeti nabapostile abawuthabathanga njalo bona umthetho kaThixo. U-Davide wathi, “Ndihamba-hambe endaweni ebanzi ngokuba ndifuna iziyalezo zakho.” (iNdumiso 119:45). Umpostile uYakobi uthetha ngemithetho njengomthetho ogqibeleleyo wayo inkululeko. Yakobi 1:25. Umtyhilelwa uvakalisa intsikelelo phezu kwabo ‘‘bayenzayo imithetho yakhe, ukuze igunya labo libe semthini wobomi, bangene ngamasango kuwo umzi. “ISityhilelo 22:14. ItE 62.2

Ukuba kwakunokwenzeka ukuba umthetho uguqulwe okanye ubekelwe bucala, kwakungayi kubakho sidingo sokuba uKristu afe ukuze abantu basinde kwityala lesono. U- Nyana kaThixo wafika wawukhulisa umyalelo, wawenza wanobungangamsha. “Isaya 42:21. Wathi, “Ningabi ndize kuchitha mthetho” kode kudlula izulu nehlabathi, kungakhange kudlule nalinye iganyana nokuba lisuntswana emthethweni. Ngokubhekisele kuYe, wathi; “Ukwenza okulikholo kuwe, Thixo wam, ndikunanzile, nomyalelo wakho usezibilinini zam, ngaphakathi.” Mateyu 5:17; iNdumiso 40:8. ItE 62.3

Umthetho waKhe usiisibonakaliso sesimilo saLowo wawumisayo. U-Thixo uluthando, nomthetho waKhe uluthando. “Uthando luyinzaliseko yomthetho.” Uthi umdumisi, “Umyalelo wakho uyinyaniso,... yonke imithetho yakho inobulungisa.” U-Pawulos yena uthetha enjenje, “umyalelo wakho ungcwele; nomthetho waKho ungcwele, unobulungisa, ulungile.” Roma 13:10; liNdumiso 119:142, 172; Roma 7:12. Umthetho onje umele ukuhlala uhleli njengoMniki wawo. ItE 62.4

Ngumsebenzi wenguquko nongcwaliso ukuxolelaniswa kwabantu noThixo ngokubenza ukuba babe mxhelo-mnye nemiyalelo yomtheho waKhe. Ekuqalekeni, umntu wayevumelana ngokugqibeleleyo nomthetho kaThixo. Isono sona samenza wachasela ngokotshaba kuMenzi wakhe. Intliziyo yakhe yangena emfazweni nomthetho kaThixo. “Ngokuba ukunyameka kwenyama kububutshaba kuThixo: kuba umthetho kaThixo kungawululameli kuba kungenako nokuba nako ukwenjenjalo.” Roma 8:7. Kodwa, “wenjenje uThixo ukulithanda kwakhe ihlabathi, ude wancama unyana wakhe okuphela kwamzeleyo,” ukuze umntu axolelaniswe noThixo, abuyiselwe kubunye noMenzi wakhe. Le nguquko kukuzalwa ngokutsha, ekungekho namnye unako “[ukububona] ubukumkani bukaThixo” ngaphandle kwako. Yohane 3:16, 3. ItE 63.1

Ukuvuma Ubukho Besono

Inyathelo lokuqala ekuxolelanisweni noThixo, kukuvuma ubukho besono. “... Isono sikukuchasana nomthetho.” “Isono saziwe ngokubakho kaMthetho.” 1 Yohane 3:4; Roma 3:20. Ukuze abubone ubutyala bakhe, kufuneka umoni aveze isimilo sakhe kwisipili sikaThixo esibonisa ukugqibelela kwesimilo esilungileyo, simenze abone iziphako kwesakhe. ItE 63.2

Isono sityhila isono esisemntwini kodwa asinalo uncedo. Simxelela umoni ukuba isabelo sakhe kukufa. Ziindaba ezilungileyo zikaKristu kuphela ezinokumkhulula ekugwetyweni okanye ekungcolisweni sisono. Kufuneka aguqukele kuThixo, omthetho waKhe waphulweyo, abe nokholo kuYesu, kumbingelelo waKhe ocamagushelayo. Uthi ke, azuze ukucamagushelwa “kwezono ezibe zenziwe ngenxa engaphambili” (Roma 3:25) abe ngumntwana kaThixo. ItE 63.3

U-Luther Ubonisa Indlela Yokuzuza Uxolelo Nosindiso

Ulangazelelo lokuba noxolo noThixo, Iwakhokhelela uMartin Luther ukuba achithele ubomi bakhe ekuhlaleni kwindawo yabucala. Kwakulindeleke ukuba enze owona msebenzi uphantsi apha, angqibe kumakhaya ngamakhaya. Wakunyamezela oku kungcungcuthekiswa, ekholwa ukuba kuyadingeka ngenxa yezono zakhe. ItE 64.1

Waphila ubomi obunzima kakhulu, ezama ngokuzila, ukungalali, nokuzibetha, ezama ukuqoba ububi bendalo yakhe. Emva koko wathi, “Ukuba umntu oyi'monk’ angangena ezulwini ngobu ‘monk’ bakhe, ngokuqinisekileyo, bendiya kuba nalo nam elo lungelo.... Ukuba ibingaqhuba ixeshana ukubheka phambili loo nto, bendiya kukuthwala ukubethwa kwam ndide ndiyokufa.” Kuyo yonke imizamo yakhe, umphefulmlo wakhe onemithwalo enzima awuzange ufumane kuphumla. Ekugqibeleni wafika kwindawo apho ancama khona. ItE 64.2

Kwathi xa konke kubonakala ngathi kuncamekile, uThixo wamnika umhlobo. U-Staupitz wamvulela iLizwi likaThixo uLuther, wamcela ukuba angakhangeli kwisiqu sakhe kodwa akhangele kuYesu. “Endaweni yokuzingcungcuthekisa ngenxa yezono zakho, zilahlele wena kwiingalo zoMsindisi. Thembela kuye, ebulungiseni bobomi baKhe, kucamagushelo lokufa kwaKhe.... Mthande Lowo wakuthanda kuqala.” Amazwi akhe angena nzulu kwingqondo kaLuther. Wafumana uxolo kumphefumlo okhathazekileyo. ItE 64.3

Kamva, livakala ilizwi likaLuther eseqongeni lokushumayela limnika isilumkiso. Wabubeka phambi kwabantu ububi besono, wabafundisa ukuba akangeke umntu alicuthe ityala lakhe okanye aphephe ukohlwaywa. Kuphela yinguquko kuThixo nokholo kuKristu okunokusindisa umoni. Ubabalo lukaKristu angeke luthengwe; lusisipho samahala. Wabacenga abantu ukuba bangathengi iincwadi zokuxolelwa izono, kodwa, ngokholo mabakhangele kuMsindisi owabethelelwayo. Wachaza amava akhe abuhlungu, wabaqinisekisa abo bamphulaphulayo ukuba uxolo nolonwabo, walufumana ngokukholwa kuYesu. ItE 64.4

Ukuxolelwa Kuya Sikhulula Na Ekuthobeleni?

Angaba umoni oxolelwayo ukhululekile na ukuba awaphule umthetho kaThixo? Uthi uPawulos, “Umthetho ngoko siyawuphuthisa na ngalo ukholo? Nakanye, siyawumisa wona umthetho.” U-Yohane yena uthi, “Kuba ukumthanda uThixo kuko ukuthi, siyigcine imithetho yakhe; ayinzima ke imithetho yakhe.” Ekuzalweni ngokutsha, intliziyo yenziwa ivumelane noThixo, ngokomthetho waKhe. Xa le nguquko yenzekile kumoni, uphumile ekufeni wangena ebomini, uphume elukreqweni wangena ekuthobeleni nasekunyanisekeni. Ubomi obudala buphelile; ubomi obutsha boxolelo, ukholo nothando, buqalile. Ubulungisa bomthetho “buthi buzaliseke kuthi, thina singahambiyo ngokwenyama; sihambayo ngokoMyoya.” Ulwimi lomphefumlo luya kuthi, “Hayi, ukuwuthanda kwam umyalelo wakho! Imini le ndiyacamngca ngawo.” Roma 3:31; 6:2; 1 Yohane 5:3; Roma 8:4; iNdumiso 119:97. ItE 65.1

Ngaphandle koMthetho, abantu abanako ukusazi isono baze ke, bangayidingi inguquko. Abayiqondi into yokuba bayalidinga igazi likaYesu elicamagushelayo. Ithemba lokusindiswa lamkelwa ngaphandle kwenguquko ecacileyo yentliziyo okanye ukuhlaziywa kobomi. Intno eninzi yinguquko ehamba nje apha ngaphezulu, izihlwele zingene enkonzweni zingazanga zamanyana noKrisu. ItE 66.1

Kuyintoni Ukungewaliswa?

limfundiso eziyimposiso ngokungcwaliswa zikwavela ekutyeshelweni okanye ekwaliweni komthetho ongcwele. Ezi mfundiso zibubuxoki kokufundiswayo, ziyingozi nangeziphumo zokwenziwayo, ziye zithandwe kakhulu. ItE 66.2

U-Pawulos uthi, “...oku kukuthanda kukaThixo, ukungcwaliswa kwenu.” I-Bhayibhile ikufundisa ngokucacileyo ukuba kuyintoni na ukungcwaliswa nokuba kwenzeka njani na. U-Msindisi wathandazela abafundi baKhe wathi, “Bangcwalise ngayo inyaniso yakho, ilizwe lakho liyinyaniso.” U-Pawulos ubuya afundise ukuba amakholwa aya[kungcwaliswa] ngoMoya oyiNgcwele.” 1 Tesalonika 4:3; Yohane 17:17; Roma 15:16. ItE 66.3

Uyintoni umsebenzi kaMoya oyiNgcwele? Wathi uYesu kubafundi baKhe, “Xa ke athe wafika yena uMoya wenyaniso, uya kunikhokhelela kuyo yonke inyaniso.” Umdumisi yena uthi, “Umthetho wakho yinyaniso.” Njengokuba umthetho kaThixo ungcwele, unobulungisa, ululngile, isimilo esiqulunqwe ngokuthobela loo mthetho siya kuba ngcwele. U-Kristu ungumzekelo ogqibeleleyo wesimilo esinjalo. Uthi, “Ndayigcina imithetho kabawo.” “[Ndenza] izinto ezikholekileyo kuye” abalandeli bakaKristu kufuneka babe njengaYe - baze ngobabalo lukaThixo, bavumele ukuba kwenziwe izimilo zabo zihambelana nemiyalelo yomthetho waKhe ongcwele. Oku kukungcwaliswa ngokweBhayibhile. ItE 66.4

Kungokholo Kuphela

Lo msebenzi ungenziwa kuphela ngokukholwa kuYesu, ngamandla kaMoya kaThixo ohleli ngaphakathi. UmKristu uya kukuva ukuzamazama kwesono aze yena athi chu kwimfazwe yokuchasana naso. Kulapha apho ludingeka khona uncedo lukaKristu. Ubuthathaka bomntu buthi buhlangane namandla angcwele, luze luhlahlambe ukholo luthi, “Makubulelwe ke kuThixo, osinikayo uloyiso olo, ngayo iNkosi yethu uYesu Kristu.” 1 Korinte 15:57. ItE 67.1

Umsebenzi wokungcwaliswa ungumsebenzi oqhubekayo. Xa ekuguqukeni umoni efumana uxolo noThixo, buyaqala ngelo xesha ubomi bobuKristu. Uza kuthi ngoku “aqhubele kwelokukhula”, ekhulela “ebudodeni obupheleleyo, emlinganisweni wobukhulu bokuzala kukaKristu.” “Ndiphuthume ngokuxunele umvuzo wobizo Iwaphezulu lukaThixo, kuKristu Yesu.” Hebhere 6:1; Efese 4:13; Filiphi 3:14. ItE 67.2

Abo banamava olu ngcwaliso IweBhayibhile, babonakala ngokuthobeka. Bazibona ukungabi naxabiso nokungafaneleki xa bezitheliksa nengqibelelo kaThixo. Umprofeti uDaniyeli wayengumzekelo wongcwaliso Iwenene. Endaweni yokuba athi unyulu, ungcwele, lo mprofeti uhloniphekileyo, wazibeka kumgangatho wabona boni kwaSirayeli ngexesha ethethela abantu bakowabo kuThixo. Daniyeli 10:11; 9:15, 18,20; 10:8, 11. ItE 67.3

Akungekhe kubekho ukuziphakamisa, nokuzigwagwisa ngokungabi nasono kwabo bahamba esithunzini somnqamlezo. Banento ethi, kwakungenxa yesono sabo ukuze uNyana kaThixo abesentlungwini, ophuke nentliziyo, ize le ngcamango ibenze bazithobe. Abo bahlala kufuphi noYesu, babubonz kakuhle ubuthathaka nokuzaliswa sisono kobuntu, yaye ithemba elinye abanalo lelesiqhamo sokubethelelwa nokuvuka koMsindisi. ItE 67.4

Ukungcwaliswa ngoku okuya kubaluleka kwinkolo yehlabathi, ikhatshwa ngumoya wokuziphakamisa nokutyeshelwa kaMthetho kaThixo, bubalwa ngokuthi akuyo nxalenye yeBhayibhile. Abo bamkela le nkolo bafundisa ukuba ukungcwaliswa ngumsebenzi owenzeka ngokukhawuleza, abathi abantu “ngokukholwa kuphela” bafikelele kubungcwele obugqibeleleyo. “Kholwa nje qha,” batsho, “intsikelelo yeyakho.” Akukho nto yimbi ifunekayo kulowo ungcwalisiweyo. Kwangelo xesha linye, baya lilandula igunya lomthetho kaThixo. Ingaba phofu, umntu uyakwazi ukuba ngcwele engathanga kuqala avumelane nemiyalelo etyhila indalo yaKhe?” ItE 68.1

Ubungqina beLizwi likaThixo buchasene nemfundiso yokholo olungenamisebenzi. Asilulo ukholo olubanga ukwamkelwa lizulu kanti alukwazi ukuvumelana neemeko ethi inceba inikezwe ngazo. Oko kukucinga nje, ukanti akukho lukholo. Funda kuYakobi 2:14-24. ItE 68.2

Makungabikho bantu bacinga ukuba bangangabi ngcwele nangona benenkani yokutyeshela nokuba yinto enye uThixo afuna yenziwe. Isono esinye sivala umlomo, ilizwi loMoya ongqinayo zesiwahlula umphefumlo kuThixo. Nangona uYohane egxila kakhulu eluthandweni, akakulibali ukuveza esona similo solu udidi lubanga ukungcwaliswa nangona luhlalele ukwaphula umthetho kaThixo. “Lowo uthi, Ndimazile abe engayigcini imithetho yakhe, ulixoki, kulowo ayikho inyaniso. Ke othi aligcine ilizwi lakhe, okwenyaniso uthando lukaThixo lugqibelele kulowo.” 1 Yohane 2:4,5. Kubonwa ngale nto ke ukuvuma komntu wonke. Ukuba abantu bayawudelela, bawuthabathe njengento engabalulekanga umthetho kaThixo, ukuba bathi bonakalise “noko umnye kule mithetho mincinanana, babafundise abantu ngokunjalo” (Mateyu 5:18,19), siya kwazi ukuba amabango abo awanasiseko. ItE 68.3

Ukubanga ukuba umntu akanasono, oko bubungqina bokuba lowo wenza ibango elo, ukude nobungcwele. Akanayo ingqiqo eyiyo yobunyulu obungenamida kunye nobungcwele bukaThixo, ndawonye nobunzulu bobubi nokukhohlakala kwesona. Xa uya usiba mkhulu umsantsa phakathi kwakhe noKristu, kokukhona aya ezibona ukuba ulilungisa ngokuzibona kwakhe. ItE 69.1

Ukungcwaliswa NgokweBhayibhile

Ukungcwaliswa kubandakanya isiqu sonke somntu: umoya, umphefumlo, nomzimba. Bona ku-1 Tesalonika 5:23. Kuthiwa amaKristu mawayinikele imizimba yawo, “ibe lidini eliphilileyo, elingcwele, elikholekileyo kuThixo.” Roma 12:1. Konke ukwenza okubulala umzimba, okanye amandla engqondo, kumenza umntu angawulungeli umsebenzi woMdali wakhe. Abo bamthandayo uThixo ngentliziyo yabo, baya kuthi ngamaxesha onke, bazame ukuwenza amandla abo ukuba avumelane nemithetho kaThixo yona ikhulisa isakhono sokwenza intando yaKhe. Abayi kwenza buthathaka okanye bangcolise umnikelo abawuzisa kuBawo osezulwini ngokuthi bayekele ilithe okanye iinkanuko zibalawule. ItE 69.2

Konke ukuzanelisa okusisono kuyenza buthuntu okanye buyibulale ingqondo nengqiqo yasemoyeni; lize iLizwi likaThixo lenze umkrwelana nje omncinane ongacacanga entliziyweni. “Masizihlambulule kuko konke ukudyobheka kwenyama nokomoya, sibufeza ubungcwele, sisoyika uThixo.” 2 Korinte 7:1. ItE 69.3

Baninzi abazibiza ukuba bangamaKristu babe bekurhuqela phantsi ukufana kwabo noThixo ngokuba ngamadla-kudla, nokusela utywala kunye ngokuthanda iziyolo ezingalunganga. Ngamanye amaxesha nebandla liya bukhuthaza ububi ngokuzama ukwenza imali ethi ingoneli ngokubhekiselele kuKristu. [Ukuthanda ngomlomo kungabonakali ezenzweni.] Ukuba uYesu ebengangena ezinkonzweni namhla, abone indlela ekwenziwa ngayo imigidi yokutya egameni lenkolo, ebengeke abakhuphele ngaphandle na aba bangcolisayo, njengoko wenzayo kubananisi ngemali, xa wayebakhupha etempileni? ItE 70.1

“Anazi na, ukuba umzimba wenu uyitempile yoMoya oyiNgcwele ongaphakathi kwenu, eninaye evela kuThixo; nokuba ke aningabenu? Kuba nathengwa ngexabiso. Mzukiseni ke uThixo ngomzimba wenu nangomoya wenu; izinto ezizezikaThixo ezo.” 1 Korinte 6:19, 20. Lowo omzimba wakhe uyitempile kaMoya oyiNgcwele akayi kukhobokiswa yimikhwa eyingozi. Amandla akhe ngakaKristu. Izinto zakhe zezeNkosi. Angathini ke ukuchitha kakubi obu butyebi abugcinisiweyo? ItE 70.2

Abantu abazibiza njengokuba bangamaKristu, achitha iimfumba zemali ngeziyunguma eziyingozi. U-Thixo ubanjwa inkunzi (oko kukuthi, uyabelwa okanye uyatsotswa) izishumi neminikelo, kuba ngoku, phezu kwesibingelelo senkanuko etshabalalisayo, kunikelwa okungaphezulu lee kunoko kumele ukunceda abahluphekileyo okanye ukuxhasa umsebenzi wokuhambisa ivangeli. Ukuba bonke abazibiza ngoKristu bebengcwalisekile inene, endaweni yokuba inzuzo yamandla abo ichithelwe kwizinto ezingadingekiyo nezibulalayo, ibiya kubuyiselwa kwindyebo kaThixo. AmaKristu ebeya kuba ngumzekelo wobungcathu nokuzibingelela. Ebeya kuthi ke, abe kukukhanya kwehlabathi. ItE 70.3

“Inkanuko yenyama, nenkanuko yamehlo, noqhankqalazo lobu bomi” (1 Yohane 2:16) zilawula izihlwele ezikhulu. Sekunjalo, abalandeli bakaKristu bona banobizo olungcwele. “Phumani phakathi kwabo, nizahlule, itsho iNkosi, nento engcolileyo ningayichukumisi.” Kwabo ke bavumelanayo nemigangatho ayibekayo uThixo, kubo uthembisa enjenje, “Ndiya kunamkela, ndibe nguyihlo, nina nibe ngoonyana neentombi kum; itsho iNkosi uSomandla.” 2 Korinte 6:17,18. ItE 71.1

Ukuza Ngqo KUTHIXO

Lonke inyathelo lokuthobela liwusondeza ngakumbi umphefumlo kuqhagamshelano noKhanya IweZwe. Imitha ekhanyayo yeLanga loBulungisa, ikhanyisela abakhonzi bakaThixo; bona ke kufuneka babonakalise okanye badlulise imitha yalo. linkwenkwezi zisixelela ukuba kukhona ukukhanya ezulwini, ezithi nazo zenziwe zikhanye ngako; namaKristu ke ngoko, amele ukubonisa ukuba ukho uThixo etroneni, uThixo osimilo saKhe simelwe kukubongwa silinganiswe okanye siphilwe. Ubungcwele besimilo saKhe buya kubonakala kumangqina aKhe. ItE 71.2

Ngenxa kaKristu sinegunya lokungena etroneni yaLowo unamandla angunaphakade. “Lowo, gxebe, ungamconganga owakhe uNyana, wesuka wamnikela ngenxa yethu sonke, angathini ke ukuba angasibabali ngazo zonke ezo zinto, ndawonye naye?” U-Yesu uthi, “Ukuba ke ngoko nina, ningendawo nje, niyakwazi ukubapha abantwana benu izipho ezilungileyo, wobeka phi na ke yena uYihlo osemazulwini, ukugqithisela ukubapha uMoya oyiNgcwele abo bamcelayo?” “Ukuba nithe nacela into ngegama lam, ndoyenza mna.” ItE 71.3

“Celani, niya kwamkela, ukuze uvuyo Iwenu luzaliseke.” Roma 8:32; Luka 11:13; Yohane 14:14; 16:24. ItE 72.1

Lilungelo lakhe wonke umntu ukuba aphile ngendlela aya kuyamkela uThixo, ukuze amsikelele. Asiyiyo intando kaBawo wethu osemazulwini ukuba sihlale sihleli phantsi kokugwetywa nasebumnyameni. Asibonakalisi kuzithoba ukujikeleza, sithobe iintloko sineentliziyo ezizaliswe ziingcinga zokuzicingela. Sinokuya kuYesu sihlanjululwe size sime phambi komthetho singenantloni nakuzisola. ItE 72.2

NgoYesu, oonyana abawileyo baka-Adam baba “ngoonyana bakaThixo.” “[Aka]nazi ntloni ukubabiza ngokuthi ngabazalwana.” Ubomi bomKristu bumele ukuba bobokholo, uloyiso, novuyo kuThixo. “Uvuyo lukaYehova ligwiba lenu.” “Hlalani nivuya. Thandazani ningayeki. Ezintweni zonke bulelani; kuba oko kukuthanda kukaThixo kuKristu Yesu ngani.” Hebhere 2:11; Nehemiya 8:10; 1 Tesalonika 5:16-18. ItE 72.3

Zinjalo iziqhamo zenguquko yeBhayibhile nokungcwaliswa; yaye kungenxa yemiqathango emikhulu yobulungisa ebekwe emthethweni, ethi xa ingahoywa; ezi ziqhamo zingafumaneki. Yiyo le nto bubonakala kancinane ubunzulu bokusebenza koMoya owawuluphawu Iweemvuselelo zamandulo. ItE 72.4

Kungokukhangela apho sithi siguqulwe. Kungokuba kutyeshelwa imithetho engcwele; imithetho athe uThixo wavulela umntu ukuba abone ukugqibelela nobungcwele besimilo saKhe ngayo, apho iingqondo zabantu zithe zatsaleleka kwiimfundiso nembono zabanye abantu, kuze kulandele ukuhla kobungcwele ebandleni ke, ngenxa yaloo nto. Kuphela kungokubuyiselwa komthetho kaThixo endaweni yawo, ekunokuthi kubekho imvuselelo yokholo Iwakuqala kunye nobuthixo kubantu abazibiza ngaYe uThixo. ItE 72.5