Ithemba Elikhulu

1/11

Ithemba Elikhulu

1— Kuphuma Phi Ukubulaleka?

Abantu abaninzi emhlabeni, bathi bakubona ububi, imisebenzi yongendawo, ubunzima neentlekele, babenombuzo wokuba ingaba zenzeka njani na ezi zinto phantsi kwegunya laLowo unobulumko obungenamida, amandla kunye nothando. Abo bathiwa hlasi yile ntandabuzo basebenzisa oku ukuzithethelela xa belandula amazwi eziBhalo eziphuma kuMoya oyiNgcwele. Isithethe kunye nokuphosisa ekunikeni intsingiselo eyiyo, kuye kwayisithelisa imfundiso yeBhayibhile ngesimilo sikaThixo, ngobume bolawulo IwaKhe, kunye nemimiselo yemigangatho yaKhe yokujongana nesono. ItE 4.1

Akukho bani unokuchaza imvelaphi yesono kungekho namntu unokunika isizathu sobukho baso. Sekunjalo, kukho okunokuqondwa ngale mvelaphi kunye nesiphelo saso isono okwenza kubonakale ngokupheleleyo ubulungisa kunye nothando lukaThixo. Isono asizange sibekho ngenxa kaThixo konke konke; akazange ayirhoxisa inceba yaKhe, kungazange kubekho nto isilelayo kulawulo IwaKhe olungcwele, okwenza ukuba kubekho uvukelo. Isono sivele sangena dlwabha phakathi yaye akukho sizathu sinokunikwa ngobukho baso. Isono sisiphumo somthetho wemfazwe olwa nomthetho wothando osisiseko solawulo olungcwele. ItE 4.2

Phambi kokuba kungene ububi, kwakukho uxolo novuyo kuyo yonke indalo okanye kwizulu nomhlaba. Ukuthandwa kukaThixo kwakongamile nokuthandana omnye nomnye kwakungenamkhethe. U-Kristu okuphela kozelweyo kaThixo, wayemnye noBawo ongunaphakade ngemvelo, ngesimilo, nangenjongo - ekukuphela kwaKhe onenxaxheba kuyo yonke into eyenziwa necetywa nguThixo. “[ngaye] zadalwa zonke izinto, ezisemazulwini... nokuba ziitrone, nokuba zibubukhosi, nokuba zizilawuli, nokuba ngamagunya,” KwabaseKolose 1:16. Ulonwabo Iwabo bonke abadalwe nguThixo Iwaluxhomekeke ekuhambisaneni nemimiselo yobulungisa yomthetho kaThixo osisiseko solawulo IwaKhe. U-Thixo akonwatyiswa kukuthotyelwa ngokunyanzeleka, kuloko anike wonke ubani, inkululeko yokuzithandela, ukuze elowo nalowo amnike uThixo inkonzo yokuzibingelela. ItE 5.1

Kukho ke owakhetha ukuyigqwetha le nkululeko. Isono saphuma kuye, owathi, engowesibini ukusuka kuKristu, wanikwa intlonipho emangalisayo nguThixo. Phambi kokuwa kwakhe uKhwezi, wayeyikherubhi ephambili kwezigqubuthelayo, engcwele, engenabala. “Itsho iNkosi uYehova, wena lutywino Iwesakhiwo esilinganiselweyo, uzeleyo bubulumko, umhle kwaphela. Ubuse-Eden emyezweni kaThixo, onke amatye anqabileyo abe esisigubungelo sakho... waye uyikherubhi egqubuthelayo; ndakwenza ke, waba sentabeni engcwele kaThixo, wahamba-hamba phakathi kwamatye anomlilo. Wagqibelela ngeendlela zakho, kususela kwimini yokudalwa kwakho, kwada kwafumaneka ubugqwetha kuwe ... Intliziyo yakho iphakamile ngenxa yobuhle bakho, ubonakalisile ubulumko bakho kunye nokubengezela kwakho.’’ Ngenxa enokuba wayenza intliziyo yakho yanjengentliziyo yoThixo. “wathi ndoyinyusela itrone yam ibe ngaphezu kweenkwenkwezi zikaThixo; ndihlale entabeni yentlanganiso.... Ndiya kunyuka ngaphezu kweziganga zamafu; ndizifanise nOsenyangweni. Hezekile 28:12-17; 28:6; Isaya 14:13, 14. ItE 5.2

Inqwenela iwonga uYise awalibeka phezu koNyana waKhe, le nkosana yeengelosi yaxhunela kwigunya eyayinguKristu kuphela onelungelo lokuba nalo. Kwaqala ngoko ukubonakala okuphum’ ecaleni kubunye nocwangco Iwezulu. Ukuphakama kokuzicingela okanye u-mna kwangenisa ububi bokuthandabuza kwiingqondo ezazikubeke phambili ukuzukisa uThixo. Amaqumrhu abacebisi basezulwini acenga-cengana noKhwezi. U-Nyana kaThixo wambonisa ukulunga nobulungisa boMdali kwakunye nobungcwele bemo yomthetho waKhe. Xa esuka kulo mthetho nakuko konke oku, uya kuzizisela intlekele nempalalo phezu kwakhe. Okona elunyukiswa kwaba kukona axhathisayo. U-Khwezi wavumela ukuba alawulwe likhwele ngakuKristu. ItE 6.1

Ikratshi lathi londla ulangazelelo lokubaphezulu. Amawonga amakhulu athiwe jize ngawo, awazange amenze ukuba abe nombulelo kuThixo. Wasuka waxhumela ukulingana noThixo. U- Nyana kaThixo yayinguye imbalasane esemagunyeni asezulwini, emnye ngamandla negunya noYise. U-Kristu wayeyinxalenye yazo zonke iintlanganiso zikaThixo, izinto ke ezingcwele awayengavunyelwe uKhwezi ukuba abe nenxaxheba kuzo. Le ngelozi inkulu yabuza yathi, “Kungani ukuba uKristu abe ngaphezu kwam? Kutheni le nto enewonga elingaphezu kwelam, mna Khwezi?” ItE 6.2

Ukunganeliseki Phakathi Kweengelosi

Eshiya indawo yakhe phambi kobuso bukaThixo, uKhwezi wemka waya kuhlwayela ukunganeliseki phakathi kweengelosi. Ngorhubuluzo olunobuqhophololo, eyifihla phofu eyona njongo yakhe, ezimilisa ngokungathi uhlonela uThixo, uKhwezi wakwazi ukuvuselela ukukrokra kwiingelosi ngakwimithetho elawula izulu, enika ingqondo yokuba ingqwabalala. Njengezidalwa ezingcwele, wathi bezimele ukwenza ngokokucinga kwazo. Kwakhona, uThixo akamphathanga kakuhle yena kuba nanku ebeke elona wonga liphezulu kakhulu kuKristu. Wabanga ukuba akaxhumelanga ekuziphakamiseni kodwa wayefuna ukhuseleko Iwenkululeko kwizakhamzi zasezulwini, ukuze zihlale kakuhle ngokupheleleyo. ItE 6.3

U-Thixo wamnyamezela ithuba elide uKhwezi. Akazange athotywe kwisihlalo sakhe esiphezulu naxa wayeqalisile ukwenza amabango obuxoki phambi kweengelosi. Waqononondiswa amathuba amaninzi ukuba uya kuxolelwa ukuba nje angaguquka, athobele. Loo mizamo ke ephuma kuphela kuthando olungapheliyo, yayizama ukumbonisa imposiso yakhe. Kwakungazange kubekho ukunganeliseki ngaphambili phaya ezulwini. Naye ngokwakhe uKhwezi akayiqondanga into eyenzeka apha kuye kwindalo yakhe. Nanjengokuba ukunganeliseki kwakhe kwakucaca ukuba akunasihlahla, yabakho nalapha kuye into ethi amabango kaThixo anobulungisa yaye umele ukuba awavume phambi kwalo lonke izulu. Ukuba wayekwenzile oku, ngewazisindisa yena kunye neengelosi ezininzi. ItE 7.1

Ukuba wayethe wanentumekelelo yokubuyela kuThixo, athabathe le ndawo wayinikwayo, wayeya kubuyiselwa kwisikhundla sakhe. Ikratshi lammela ngaphambili ukuba angazithobi. Wazixelela ukuba akadingi kuguquka, waza wazinikela ekungeneni kwimfazwe enkulu noMenzi wakhe. ItE 8.1

Onke amandla engqondo yakhe amakhulu, aguqulelwa ekusebenzeni inkohliso, nokufuna uvelwano kwiingelosi. U- Sathana wabanga ukuba ugwetywe ngemposiso nokuba kugxojwe ilungelo lenkululeko yakhe. Wabeka gwenxa amazwi kaKristu, wagqithela ebuxokini, etyhola uNyana kaThixo ngokuthi uyamhlazisa, emphoxa phambi kwabemi basezulwini. ItE 8.2

Bonke, angakwazanga ukuboyisela kwicala lake, wabatyhola ngelithi abanamandla kumabango abemi basezulwini. Wabhenela ekumtyabekeni kakubi uMdali. Yaba luxanduva Iwakhe ukuphixanisa iingelosi ngeengxoxo ezinobuqhophololo mayela neenjongo zikaThixo. Nezinto ezilula wazenza ngathi ziziimfihlelo, waza ngobuchule obukhulu, wenza ukuba kuthandabuzeke nezona zinto zicacileyo ezithethwa nguThixo. Isikhundla sakhe esiphezulu, saba nempembelelo enkulu kule njongo yakhe. Zininzi iingelosi ezaba ngakwicala lakhe kolu vukelo. ItE 8.3

Ukungathandi Kujika, Kusiba luvukelo

Ngobulumko baKhe, uThixo wamvula uSathana ukuba aqhubele phambili nomsebenzi wakhe, ude umoya wentiyo waqokola, waba luvukelo. Kwakubalulekile ukuba amacebo akhe aphuhle ngokupheleleyo, ukuze avele kubo bonke ukuba unjani na. U-Khwezi wayethandwa kakhulu zizidalwa zasezulwini, yaye nempembelelo yakhe kuzo yayinamandla kakhulu. Ubukumkani bukaThixo babungaphelelanga phaya ezulwini, kodwa babuquka onke amazwe awawadalayo, waza uSathana wacinga wathi, ukuba uya kuzithabathela kuye iingelosi ekuvukeleni, uya kwenza njalo nakwamanye amazwe. Esebenzisa ubuchule nobugwenxa, amandla akhe okulahlekisa ayemakhulu kakhulu. Neengelosi ezazisamthobela uThixo, zazingakwazi ukusiqonda ngokupheleleyo isimilo sakhe, zingaboni nesiphelo sokwenza kwakhe. ItE 9.1

U-Sathana wayehlonitshwa kakhulu yaye izenzo zakhe zazinkungu kangangokuba kwakunzima kwezinye iingelosi ukubuqonda ubume bento ayenzayo. Isono sasingekhe sicace ububi baso side siphuhle ngokupheleleyo. Izidalwa ezingcwele zange zizazi ngenx’engaphambili iziphumo zokutyeshela umthetho ongcwele. Ekuqaleni, uSathana wayesithi umemeza ukuhlonitshwa kukaThixo kunye nokulungelwa kwazo zonke izidalwa ezisezulwini. ItE 9.2

Ekujonganeni kwakhe nesono, uThixo wayesebenzisa kuphela ubulungisa kunye nenyaniso. U-Sathana yena wayesebenzisa izinto ezazingenako ukusetyenziswa nguThixo - ukulahlekisa nokukhohlisa. Isimilo somvukeli simelwe kukwaziwa ngabantu bonke. Wayemele ukuzuza ithuba ukuze acace kubo bonke abemi, ngemisebenzi yakhe yenkohlakalo. ItE 10.1

Isidube-dube esenziwe yindlela awayithabathayo uSathana, wathi sibangwe nguThixo. Wathi bonke ububi busisiphumo solawulo olungcwele. Kwakudingeka ke ukuba yena Sathana, enze inguqulelo kumthetho ongcwele. Kwakufuneka, ke ngoko uThixo amnike ithuba ukuze agwetywe ngumsebenzi wakhe. Kufuneka indalo yonke yezulu nomhlaba, imbone etyhiliwe umlahlekisi, enje ngokuba enjalo. ItE 10.2

Naxa sekugqityiwe ukuba agxothwe ezulwini, oBulumko bukhulu, uThixo akazange amtshabalalise uSathana. Ukuze izidalwa zimlulamele uThixo, kufuneka loo nto ixhomekeke ekoyisakaleni kwazo ukuba uThixo unobulungisa. Abemi bonke basezulwini nakwamanye amazwe, babengenako ukubona ubulungisa nenceba kuThixo, ngelo xesha, kuba babengakulungelanga ukuzazi iziphumo zesono. Ukuba uThixo wayevele wamtshabalalisa uSathana, ebeya kukhonzwa ngoloyiko endaweni yothando. Ibingayi kucinywa kuphele impembelelo yomlahlekisi, ungakhutshwa neengcambu nomoya wovukelo ukuze kube kuhle kuyo yonke indalo: kwakukuhle ukuba uSathana ayiphuhlise ngokupheleleyo injongo yakhe, zibonwe zizidalwa zonke inguqulelo alangazelela ukuzenza kulawulo lukaThixo zinjengokuba ezibeka. ItE 10.3

Uvukelo lukaSathana beluza kuba bubungqina beziphumo zesono kwilizwe nezulu lonke. Ulawulo Iwakhe Iwaluza kuveza isiqhamo sokubekela bucala igunya elingcwele. Imbali yalo mboniso woyikekayo wovukelo, ibuya kuba sisikhuselo sikanaphakade kubo bonke abangcwele ukuze basinde kuso isono nasekohlwayweni. ItE 11.1

Kwathi kwakuvakaliswa ukuba umvukeli kunye nabaxhasi bakhe baza kugxothelwa ngaphandle kwamasango ezulu, yafunga la nkokheli inesibindi ukuba izakuwunyevulela, iwunyashe umthetho woMdali. Uyigculele imithetho engcwele njengemiqathango kwinkululeko waza, ngokuphandle, wathi uza kulwela ukususwa kwayo. Xa ithe yakhululwe kule miqathango, imikhosi yasezulwini, iyakuba inyukele kumgangatho ongentla kubomi bayo. ItE 11.2

Ukugxothwa Ezulwini

U-Sathana nomKhosi wakhe, baliphosa kuKristu ityala lonikelo Iwabo; ukuba babengathethiswanga, ngebabengavukelanga, babe neenkani, bedelela, ngelixa bebanga ukuba bangamaxhoba amsulwa egunya elinocinezelo, umvukeli omkhulu kunye nabalandeli bakhe bagxothwa ukuba bemke ezulwini. Funda kwisiTyhilelo 12:7-9. ItE 11.3

Umoya kaSathana usaphembelela abantwana bokungathobeli, emhlabeni. Njengaye, bathembisa abantu inkululeko ngokwaphula umthetho kaThixo. Ukukhalinyelwa kwesono nangoku kusayivuselela intiyo. U-Sathana wenza ukuba abantu bazithethelele bade bafune ukuba abanye babasizele naxa besesonweni. Endaweni yokulungisa iimposiso zabo, bavusa ingqumbo ngakulowo ubathethisayo, ide ibe ngathi nguye unobangela wenkathazo. ItE 12.1

Ngale ndlela asiveza sisibi ngayo isimilo sikaThixo, njengokuba wenza njalo ezulwini ukuze uThixo abonwe engqwabalala enobugebenga, uSathana uthi abalukuhlele esonweni abantu. Wathi imiqathango kaThixo engenabulungisa, yiyo eyakhokhelela umntu ukuba awe, njengokuba yena yamkhokhelela kuvukelo. ItE 12.2

Akuba uSathana egxothwe ukuba emke ezulwini, uThixo wathi wababaza ubulungisa baKhe kunye nobukhulu baKhe. Uthe kodwa akona umntu, uThixo wabonakalisa uthando IwaKhe ngokunikela ngoNyana waKhe ukuba alufele uhlanga oluwileyo. Elucamagushweni, sityhiliwe isimilo sikaThixo. Ingxoxo enkulu yomnqamlezo ibonisa ukuba ayikho indlela ekungatyholwa ngayo ulawulo lukaThixo. Ngexesha lolungiselelo lukaYesu emhlabeni, umkhohlisi omkhulu watyhileka. Unyeliso olunesibindi lokuthi uKristu makagobe kuye, ububi benkohlakalo eyayingaphumli imini nobusuku, iphembelela ababingeleli kunye nabantu ukuba balukhanyele uthando IwaKhe nokuba bakhwaze bathi, ItE 12.3

“Mbethelele emnqamlezweni! Mbethelele emnqamlezweni!”: konke oku kwenza ukuba izulu lonke limangaliswe, libe nomsindo okanye licaphuke. Itshawe lobubi lawabhokoxa onke amandla alo nobuqhophololo balo ukuze limtshabalalise uYesu. Ukuze azalise ubomi bukaYesu ngeentlungu nosizi, uSathana wasebenzisa izenzeleleli okanye izithunywa ezingabantu. lintolo zomona ezitshabalalisayo, nengqondo embi, intiyo kunye nempindezelo, zambonzeleka eKhalvari zizokuchasa uNyana kaThixo. ItE 12.4

Ukona kukaSathana kwabonakala kungenasizathu sokukuthethelela. Waya wasiveza esona similo sakhe. Izityholo zikaSathana zobuxoki ngemo engcwele kaThixo, zavela elubala. Wayetyhola ngokuthi uThixo ufuna ukuziphakamisa ngokuthi afune ukuthotyelwa zizo zonke izidalwa zaKhe watsho nokuthi, nangona uMdali egxininisa ukuba izidalwa zibe nokuzithibaza, yena Mdali, akazange aqalise ukuzithibaza, engazange wakha wancama nto. Kwabonakala ke ngoku, ukuba uMlawuli wendalo yonke wenza owona mbingelelo mkhulu onokwenziwa luthando kuba “uThixo waye ekuKristu, elixolelanisa naye ngokwakhe ihlabathi”. (2 Korinte 5:19). Ukuze asitshabalalise isono, kwafuneka uKristu azithobe ngokwaKhe, alulame kude kuse ekufeni. ItE 13.1

Ingxoxo Emalunga Nomntu

Izulu lonke labubona ubulungisa bukaThixo. U-Khwezi waye sel’ebabaze ukuba uhlanga olunesono alungekhe lube nokuhlangulwa. Sekunjalo, isohlwayo sokwaphulwa komthetho sawela phezu kwaKhe lowo wayelingana noThixo, waza umntu wakhululeka ukuba amkele ubulungisa bukaKristu, aze athi ngokuguquka nokuzithoba abe noloyiso phezu kwegunya likaSathana. ItE 14.1

U-Kristu wayengazanga kufa emhlabeni ukuze ahlangule umntu nje kuphela. Waza kubonisa kuwo wonke amazwe ukuba umthetho umi ngonaphakade, kwatyhila nokuba ubulungisa nenceba zisisiseko solawulo Iwakhe uThixo. Ngelanga lomgwebo wokugqibela, kuya kubonakala ngokucacileyo ukuba asikho isizathu sokuba kubekho isono. Usakufika umgwebi wehlabathi lonke, uThixo uyakuthi kuSathana, “Kwakungani na ukuba undivukele?” Aze lo ongumthombo wobubi angakwazi kuziphendulela. ItE 14.2

Ekukhaleni koMsindisi xa ephela esithi, “Kugqityiwe,” oko yayikukukhala kwentsimbi exela ngokufa kukaSathana. Imbambano enkulu ekade iqhubeka ixesha elide yathi yaba necala, ukususwa nengcambu kobubi kwaqinisekiswa. “lyeza imini evutha njengeziko; baya kuba ziindiza bonke abakhukhumali, nabenzi bonke bokungendawo; ibalenye loo mini izayo, utsho uYehova wemiKhosi, ingabashiyeli ngcambu nasebe”, (Malaki 4:1). ItE 15.1

Abusayi kuze buphinde bubonakale ububi. Umthetho kaThixo uya kuhlonitshwa njengomthetho wenkululeko. Indalo evavanywe yahlolisiswa ayisayi kuphinda isuke ekumhloneleni Lowo osimilo saKhe siye sabonakaliswa ukuba siLuthando olunzulu kunene kunye nobulumko obungenamida obumi ngonaphakade. ItE 15.2