Ibali Lenkululo

96/231

IBALI LENKULULO II

Isahluko 25—Ukuza Kokuqala KukaKristu

NDATHWALELWA kwixesha uYesu awayeza kuthabathela kuye isimo somntu, azithobe abe ngumntu, anyamezele izihendo zikaSatana. IL 175.1

Ukuzalwa kwakhe kwa kunge nabugangamsha basemhlabeni. Wazalelwa esitalini wafukanyelwa emkhombheni wesitali; kanti noko uzalo lwakhe lwaluxabiseke ngokungaphezulu kude lee kolwakhe nawuphina koonyana babantu. Izithunywa ezivela ezulwini zaxelela abalusi ngokuza kukaYesu, baza ubunqhina bazo baphelekwa kukukhanya nobuqaqauli obuvela kuThixo. Umkhosi wezulu wabetha iihadi zawo wamzukisa uThixo. Zakuvakalisa ngokumemelela ukuza koNyana kaThixo kumhlaba owileyo esiza kufeza umsebenzi wosindiso, athi ngako ukufa kwakhe azise uxolo nokonwaba, nobomi obungunaphakade ebantwini. UThixo wakuxabisa ukuza koNyana wakhe. Izithunywa zezulu zamnqula. IL 175.2