Ibali Lenkululo

80/231

Isahluko 22—Ukufa kukaMoses

UMOSES wayesezakufa, waza wayalelwa ukuba ahlanganisele ndawo nye oonyana bakaSirayeli ngaphambhi kokufa kwakhe abalise kubo yonke ihambho yempi yamaHebere ukuthabathela ekumkeni kwayo eJiputa, nazo zonke izikreqo ezikhulu zooyise, eza zisa izigwebo zikaThixo phezu kwabo, zamnyanzela ukuba athi abayi kungena eliZweni leDinga. Ooyise bafela entlango, ngokwamazwi kaYehova. Abantwana babo babekhulile, laliza kuzaliswa kubo ke idinga lokulima ilizwe leKanan. Abaninzi kubo babe bancinane kakhulu ukunikwa komthetho, bengabukhumbhuli ubukhulu beso siganeko. Abanye babe zalelwe entlango, kwaza ukwenzela ukuba hleze bangayiboni imfuneko yokuyithobela imiThetho eliShumi nayo yonke imithetho namasiko kaMoses, wayalelwa nguYehova ukuba ayikhubule imiThetho eliShumi, nazo zonke iimeko ezinxulumene nokunikwa komthetho lowo. IL 149.2

UMoses wayebhale encwadini imimiselo namasiko awaye wanikwe nguThixo, wayibhala ngokuthembheka yonke imiyalelo yakhe eyanikwa kubo endleleni, nayo yonke imimangaliso aabenzela yona, nako konke ukukrokra koonyana bakaSirayeli. UMoses wayebhale kananjalo ukoyiswa kwakhe ngenxa yokukrokra kwabo. IL 149.3