U-Kristu U-Msindisi Wetu

5/34

ISAHLUKO 4—U-SABELO E-JIPETE

U-HEROD waye nganyanisile ukuti wayefuna ukuya kuqubuda ku-Yesu. Waye soyika ukuba u-Msindisi uyakukula aze abe ngu-kumkani ampange ubukumkani. Waye tanda ukufumana umntwana lowo ukuze ambulale. KMW 24.1

Izilumko ezo zazizindla ukuya kumbikela u-Herod. Koko ingelosi ye-Nkosi yabonakala kuzo epupeni, yaziyalela ukuba zigoduke ngenye indlela. KMW 24.2

“Zite zakubon’ ukuba zimkile -ke zona, naso isitunywa se-Nkosi sibonakala ku-Joseph epupeni, sisiti, vuka umtabate umntwana nonina, usabele e-Jipete, uze ube kona apo ndide ndikuxelele; kuba u-Herod uhlalel’ ukumfuna umntwana-lowo ukuba amtshabalalise.” Mateyu 2: 13. KMW 24.3

U-Joseph akalindanga okokuba kude kube kusasa; wavuka kwa oko, waza eno-Mary no-mntwana, banduluka ngobusuku batabata olohambo lude. KMW 24.4

Izilumko zambabala amabaso exabiso u-Yesu, yaza lonto u-Tixo walungiselela indleko yendlela leyo kwa nokuhlala kwabo e-Jipete, de babuyele ezweni labo. KMW 24.5

U-Herod waqumba kakulu akuqonda ukuba izilumko zihambe ngenye indlela. Wayeyazi into eyatetwa nguTixo ngom-profeti Wake ngokufika kuka-Kristu. KMW 24.6

Waye sazi nokutunyelwa kwe-nkwenkwezi ukukokela izilumko ezo. Ukanti wayesagqibe ekubulaleni u- Yesu. Emsindweni wake wakupa amasoldati okubulala “bonke abantwana e-Beteleham, . . . ukutabatela kwaba minyaka mibini ehlise.” KMW 24.7

Ukunga qeleki kwento yokulwa umntu no-Tixo! Mayibe yaba sisibonakalo esibi ngalupi uhlobo oku kubulawa kwe-ntsana ezingenatyala! U-Herod-lo ngapambili wayenze izinto ezininzi ezimbi; kodwa eso similo senkohlakalo sake sasiza kupela msinya. Wafa ukufa okubi. KMW 25.1

U-Joseph no-Mary bahlala e-Jipete de wafa u-Herod. Yaza-ke i-ngelose yabonakala ku-Joseph, yati, “Vuka utabate umntwana no-nina, uye ezweni lakwa-Siraeli, kuba bafile abo babezonda ubom bomntwana.” Mateyu 2: 16, 20. KMW 25.2

U-Joseph wayeba uyakuba ngummi e-Betelehem, apo u-Yesu wayezalelwe kona; koko ute xa asondela e-Judea, weva ukuba u-nyana ka-Herod ulaula endaweni ka-Yise. KMW 25.3

Lento yamenza u-Joseph woyika ukuya kona, waza akayazi into amakayenze; ngoko ke u-Tixo watumela isitunywa sezulu ukuba simyalele. Ngokululamela iziyalelo ze-situnywa sezulu, u-Joseph wabuyela kwikaya lake e-Nazareth. KMW 25.4