U-Kristu U-Msindisi Wetu

26/34

ISAHLUKO 24—UKUFA KUKA-KRISTU

EKUNIKELENI ubomi Bake obunqabileyo, u-Kristu wayenga xaswanga ngo-vuyo loloyiso. Intliziyo Yake yarazulwa yintlungu ishicilelwe litunzi lobumnyama. Kodwa yayi ngelulo uloyiko okanye intlungu yokufa okona kwakumhlungisa. Yayi bubunzima obutyumzayo besono sehlabati; ingcinga yo-lwahlukaniso notando luka-Yise. Yiyo lento eyarazula intliziyo yo-Msindisi, yabangela ukuba afe ngokumsinya ngoluya hlobo. KMW 152.1

U-Kristu weva ubunzima obuya kuviwa ngaboni xa baya kuvuka ukuba baqiqe umtwalo wetyala labo, ukuba bazi okokuba bazahlukanise ngonapakade kulo u-vuyo noxolo lwe Zulu. KMW 152.2

I-ngelosi zondela ngokuti-nqa intlungu engenatemba eyayi twelwe ngu-Nyana ka-Tixo. Ukubandezeleka kwe ngqondo Yake kwakukukulu ngokokude intlungu leyo yo-mnqamlezo ingabi nakuvakala. KMW 152.3

Imvelo ngokwayo yaba ne-mfobe sesi-sibonakalo. Ilanga lali balele ngokutyilekileyo de kwaba yimini enkulu, ekwati ngesiqupe labonakala linga liyacinywa. Konke ukujikelezisa lowo mmandla wo-mnqamlezo yayi bubumnyama obushiceneyo ngokokwapakati kobusuku. Obu bumnyama bunge bamvelo babambelela iyure (amaxa) amatatu. KMW 152.4

U-nkwantyo olunge nakubaliswa lwayiti-gaga indimbane. Intshwabulo no-nyeliso yenqumama. Amadoda, abafazi, nabantwana bawa emhlabeni bekunkwantyo olukwanqisayo. KMW 153.1

Imibane yaman’ ukumenya ivela efin’ elo, iwubaneke umnqamlezo no-Mkululi obetelelwe-emnqamlezweni. Bonke babecinga ukuba ixesha lempindezelo yabo lifikile. KMW 153.2

Nge lixa lesitoba ubumnyama besuswa eluntwini, kodwa basala bumte-wambu u-Msindisi ngokwe-sigqubutelo. Imibane yabonakala inga iyabinza Kuye akubon’ ukuba ujinga apo emnqamlezweni. Kwaku ngeloxesha awapakamisa isikalo sokupelelwa: KMW 153.3

“Tixo Wam, Tixo Wam, undishiye nganini?” KMW 153.4

Ngalo eloxesha ubumnyama babute-zinzi pezu kweJerusalem napezu kwamatafa e-Judea. Akubon’ ukuba amehlo onke ondele kwicala elo leso sixeko sishwatyulelweyo, babona imibane ye-ngqumbo ka-Tixo yalatiswe kuso. KMW 153.5

Ngesiqupe isitokotoko sesuswa emnqamlezweni, kwaza ngokucacileyo, intlokoma engati zezexilongo ezanga zihlokoma ngokugqobozele kuyo yonk’ indalo, u-Yesu wadanduluka: KMW 153.6

“Kugqityiwe.” John 19:30. “Bawo, Ndiwunikela ezandleni Zako u moya Wam.” Luka 23: 46. KMW 153.7

Ukukanya kwenza isangqa apo emnqamlezweni, baza ubuso bo-Msindisi bakanya ngobuqaqauli obunje ngobelanga. Waza-ke wayiyeka intloko Yake yawa pezu kwesifuba Sake wafa-ke. KMW 153.8

Indimbane leyo yayi ngase mnqamlezweni yema imatshekile, baza benovalo bondela ku-Msindisi. Bapinda ubumnyama balifulela ihlabati, nozongomo lokundila okungati lududumo olukulu lwavakala. Kunye nalo olulwandile kwabako inyikima-mhlaba enamandla. KMW 153.9

Esona sikulu isipitipiti no-nkwantyo salandela. Kwintaba zalowo mmandla amawa acandeka, aza adilika awahlazekela kumatafa angapantsi apo. Amanchwaba avuleka nento eninzi yabafi yakutshelwa ngapandle. Indalo yabonakala iqekeka iba ngamasuntswana. Ababingeleli, abapati ama-soldati nabantu, bete-cwaka ngokoyika, babete bhadada emhlabeni. KMW 154.1

Ekufeni kuka-Kristu inxenye yababingeleli yayi lungiselela etempileni paya e-Jerusalem. Beva isandi senyikuma-mhlaba, suka kwa oko ikuselo le-tempile, elahlule ingcwele kweyona ngcwele-enkulu larazuka kubini litabatele pezulu lada lesa pantsi kwangeso sandla esingena gazi esabhala lawo mazwi esigwebo kwezo ndonga ze bhotwe lika-Belshazare. Leyo ngcwele-enkulu yase mhlabeni ayibanga saba ngcwele. Bunga sokuze ubuko bo-Tixo bube busasibekela eso sihlalo sokucamagushela. Kungasoze ukwaneliswa nokunganeliswa kuka-Tixo kube kusabonakaliswa ngokukanya nange situnzi kulawo matye anqabileyo kwi-sigcina-sifuba so-mbingeleliomkulu. KMW 154.2

Ukususel-oko igazi lamadini etempileni alibanga saba naxabiso. I-Mvana ka-Tixo, ngako ukufa, yaba lidini ngenxa ye-zono zehlabati. KMW 154.3

Okuya u-Kristu wafayo emnqamlezweni wase Kalvari, indlela entsha nepilileyo yavulelwa um-Juda kwano we-Ntlanga ngokufanayo. KMW 154.4

Ingelosi zavuya akudanduluka u-Msindisi, “Kugqityiwe!” I-cebo elikulu le-nkululo laliya kuhanjiswa Ngabo ubomi bokululama, onyana bo-Luntu babe ngapakanyiswayo bapelele ekubeni pambi ko-Tixo. KMW 155.1

U-Satana woyiswa, waye sazi ukuba ubukumkani bake buwile. KMW 155.2