U-Kristu U-Msindisi Wetu

22/34

ISAHLUKO 20—PAMBI KO-PILATE

EMVA kokugwetywa kuka Kristu nga-bagwebi beBhunga-Lama-Juda (Sanhedrim), Wasiwa kuPilate kwangoko, owayeyi ruluneli yase-Roma, ukuya kuqinisela isigwebo sizalisekiswe. KMW 127.1

Ababingeleli bama-Juda kwa nabapati babe ngenako ngokwabo ukungena kwi-nkundl’amatyala kaPilate. Ngemiteto yamasiko esizwe sabo, babeya kuncholiswa kukwenza njalo, baze ngako bavalelwe ukutabata isabelo emtendelekweni wepasika. Ebumfameni babo ababonanga ukuba u-Kristu lo wayeyeyona mvana ye-Pasika, nanjengokuba bammangalayo Yena, lo-mtendeleko mkulu wawute ngakubo awabi nantsingiselo yawo. KMW 127.2

Xa u-Pilate waye mondele u-Yesu, wabona indoda ebuso bunobungangamsha nene-mbonakalo ebukakamela (endilekileyo). Akuzanga kubonakale lupau lwa-butshijolo kobobuso Bake. U-Pilate waguqukela kubabingeleli wabuza: KMW 127.3

“Nimisa tyala linina ngakuio mntu?” John 18: 29. Abamangaleli Bake babe ngatandi ukubalisa izibakala, baza-ke ababinako ukuwupendula lombuzo. Babesazi ukuba babe ngena kumisa bunqhina benyani eyayi ngati i-ruluneli leyo yase-Roma ibe nokumgweba. Ngoko-ke ababingeleli bafuna amanqhina obuxoki ukubancedisa. KMW 127.4

Baqala-ke ukummangalela, besiti: KMW 127.5

“Simve lo elulahlekisa uhlanga, engavumi ukuba kunikelwe irafu kuKesare, esiti Ungu Kristu ukumkani Yena Ngokwake.” Luka 23:2. KMW 128.1

Lento yayi bubuxoki, kuba u-Kristu wayi vuma ngokupandle into yokunikelwa kwe-rafu ku-Kesare. Okuya abaqondisi-mteto balinga ukumrintyela ngayo lento, Wati: KMW 128.2

“Nikelani kaloku ku-Kesare izinto zika Kesare.” Mateyu 22: 21. KMW 128.3

U-Pilate akalukuhlwanga bobo bunqhina balawo manqhina abuxoki. Waguqukela ku-Msindisi, wabuza: KMW 128.4

“Unguye-na u-Kumkani wama-Juda?” KMW 128.5

U-Yesu wapendula, “Nawe utsho.” Mateyu 27: 11. KMW 128.6

Bakuba beyivile lempendulo, u-Kayafa nabo babenaye banga bangazuza ubunqhina ku-Pilate bokuba uYesu ulivumile elo tyala ababemmangalela ngalo. Ngonqangazo olunengxolo bamema okokuba makagwetyelwe ukufa. KMW 128.7

Akubon’ ukuba u-Kristu akenzanga mpendulo kwabo bamangaleli Bake, u-Pilate wati Kuye: KMW 128.8

“Akunanto uyipendulayo-na? kangela ubuninzi bazo indawo abazinqhina Ngawe.” KMW 128.9

“Kodwa Yena u-Yesu akabanga sapendula nto.” Marko 15: 45. KMW 128.10

Lamkohla u-Pilate. Akabonanga mbaluleko ya-butshijolo ku-Yesu, waye ngabatembi nabo babemmangalela. Imbonakalo yondiliseko nesimo sokuzola so-Msindisi zazahlukile mpela kobo bundlobongela nobushushu baba-mangaleli Bake. U-Pilate wabanekelwa-ke yilento, waye nelisiwe-ke bubumsulwa Bake. KMW 128.11

Eba-ke wofumana inyaniso Kuye, wamtabatela uYesu bucala, waza-ke wambuza: KMW 129.1

“Unguye-na u-Kumkani wama-Juda?” KMW 129.2

U-Kristu akanikanga mpendulo ete ngqo kulo mbuzo, koko wabuza: KMW 129.3

“Uyiteta lento ipuma kuwe, wayixelelwa ngabanye Ngam sinina?” John 18: 34. KMW 129.4

U-Moya ka-Tixo wawuzamana no-Pilate. Umbuzo ka-Yesu wawuzindla ukumkokelela ekubeni acikide intliziyo yake nge-nyameko. U-Pilate wayiqonda intsingiselo yalo mbuzo Eyeyake kanye intliziyo yayivulekile pambi kwake, wabona ukuba umpefumlo wake udubatekile luloyiseko. Kodwa iratshi lavela entliziyweni yake wapendula: KMW 129.5

“Ndingum-Juda-na? Luhlanga lwakowenu nababingeleli abakulu abakunikelayo kum: wenze ntonina?” KMW 129.6

Ituba elixabiso likulu lika-Pilate ladlula. Kodwa uYesu wanqwenela ukuba u-Pilate azi ukuba wayengazele kuba kumkani welihlabati, kungoko Wati: KMW 129.7

“Ubukumkani Bam asibubo obeli hlabati. Ukuba bebubo belihlabati ubukumkani Bam, kaloku amakonza Am nga ezama ukuba Ndinga nikelwa kuma-Juda; ngoku-ke ubukumkani Bam asibobalapa.” KMW 129.8

U-Pilate wabuza-ke, “Ungukumkani-na-ke Wena?” KMW 129.9

U-Yesu wapendula, “Nawe uti, Ndingu-kumkani. Mna Ndizalelwe oku; Ndizele oku ehlabatini, ukuze Ndiyinqhinele inyaniso. Bonke abanga be-nyaniso bayaliva izwi Lam.” KMW 129.10

U-Pilate waye no-mnqweno wokuba ayazi inyaniso. Ingqondo yake yapitizela. Wawazondelela amazwi o- Msindisi, ne-ntliziyo yake yazamiseka ngumnqweno omkulu wokuba ayazi eyona nto iyinyaniso, nokuba angayifumana njanina. Wabuza ku-Yesu: KMW 129.11

“Yintonina yona inyaniso?” KMW 130.1

Kodwa akalindelanga mpendulo. Imbutumbutu yalo ndimbane ebingapandle kwalo nkundl̕ amatyala yenyuseleka yalubombolozo. Ababingeleli babe sebetshiseka befuna into yangoku, no-Pilate wapindela kwakwezo zimeko zelo lixa. Wati epumela kubo abantu, Wavakalisa: KMW 130.2

“Mna andifumani tyala Kuye.” John 18: 33-38. KMW 130.3

Lamazwi omgwebi ongum-hedeni asisohlwayo esihlabayo kobo bunginingini bupantsi nobuhanahaniso babapati bakwa Siraeli ababemangalela u-Msindisi. KMW 130.4

Bakuba bevayo ababingeleli namadoda amakulu lamazwi ka-Pilate, udano lwabo nobushushu akubanga namlinganiso. Kwakukade beceba bekangele ituba elinje. Xa babonayo inkangeleko yokukululwa kuka-Yesu, babonakala sebe ngabalungele ukumenza izinjungqe Yena. KMW 130.5

Bapulukana nengcinga nokuzilaula, bavula ituba leziqalekiso, basuka bazenza amademoni kunokuba bengabantu. Bamnyelisa ngokupandle u-Pilate, bemqobisela ngokucitwa ngumbuso (ulaulo) we-Roma. Bammangalela u-Pilate ngokungavumi ukumgweba u-Yesu, lowo, babenqhina, ukuba uhluta isihlalo sika-Kesare. Ngokuke banqangaza: KMW 130.6

“Uxokonxa abantu efundisa kulo lonke elakwa-Juda eqalele kwelase-Galili, wada wezisa apa.” Luka 23: 5. KMW 130.7

U-Pilate ngelixesha wayenga banga nankumbulo yakumgweba u-Yesu. Waye gqibile kubumsulwa Bake. Kodwa akuba wevayo ukuba lo-Kristu ungowelase Galili, wagqiba ukuba amtumele ku-Herode, Ngalento u-Pilate wayeba ushenxisa ubutyala bokugweba ityala eli kuye abubeke ku-Herode. KMW 130.8

U-Yesu waye seleyoba lipango, etyafile nakukungalali. Waye bandezeleke nayi mpato ye ntswela-ntliziyo eyayi pezu Kwake. Kodwa u-Pilate wabuya wamnikela kuwo amasoldati, waye erolwa kuhanjwa Naye epakati kwezo zigculelo nezinyolo zelo xokondiba elingena nceba. KMW 131.1