U-Kristu U-Msindisi Wetu

9/34

ISAHLUKO 8—UKUHENDW A

EMVA ko baptizo Lwake, u-Kristu wasiwa nguMoya entlango, ukuba ahendwe ngu-mtyoli. Ukuya entlango, u-Kristu waye kokelelwa nguMoya ka-Tixo. Akasimemanga isihendo. Wayenga angaba yedwa, okokuze acinge ngokutunywa no-msebenzi Wake. KMW 43.1

Ngako ukutandaza nokuzila ukutya Waye zibinqisa ngenxa yaleyo ndlela enamacapaza egazi awayeza kuyihamba. Kodwa u-Satana wayesazi apo wayekona u-Msindisi; ngoko waya kona ukuba Amhende. KMW 43.2

Ekumkeni kuka-Kristu e-Jordan, ubuso Bake babukanyiswe bubuqaqauli buka-Tixo. Kodwa xa wafikayo kwintlango leyo, obo bungcwalisa bati shwaka. KMW 43.3

Izono zehlabati zazipezu Kwake, baye ubuso Bake babuzaliswe lusizi nokuxinzeleka-ngapezu koko waka weva ngako umntu. Waye bandezeleka ngenxa yaboni. KMW 43.4

O-Adam no-Eve e-Edeni paya babe reqile ku-Tixo ngokusuka batye kwisiqamo esasi ngavunyelwe. Ukungeva kwabo kwezisa isono usizi nokufa emhlabeni. KMW 43.5

U-Kristu waba ngu-mzekelo wokuva. Entlango paya, Akavumanga ukuba emke entandweni yo-Yise, nasemva kokuba ezile ukudla imihla emashumi mane. KMW 43.6

Esinye sezihendo eseyisa o-maokulu betu bokuqala yaba sesokutambela ilite. Ngako okukuzila ukutya itu- ba elide kangaka u-Kristu wabonisa ukuba ukulamba oku kunokulaulwa. KMW 43.7

U-Satana ubahenda abantu ngokukuvela ukulamba, ngokuba kona kuyawuqoba umzimba kuyi sitibeze ingqondo. Ngelo xesha-ke uyazi ukuba kokukona anokuba kohlisa lula aze ababuqe. KMW 44.1

Kodwa umzekelo ka-Kristu ucacisa okokuba konke ukulangazelela kokupambuka makuqotywe. I-pango (ilite) letu malinga silauli; masiliwise pantsi kwetu. KMW 44.2

Xa u-Satana wayesati ukuvela ku-Kristu, wafana ne-situnywa sokukanya. Wazenza umtunywa ovela eZulwini. KMW 44.3

Wamxelela u-Yesu ukuba kwaku nge-ntando yo-Yise ukuba Yena abandezeleke; Waye ngasuke azibalule kupela ukuba nentumekelelo kuko ukubandezeleka. KMW 44.4

Akubon’ ukuba u-Yesu upantsi kwe nzululwane yepango, u-Satana wati Kuye: KMW 44.5

“Ukuba ungu-Nyana ka-Tixo, yitsho lamatye abe sisonka.” KMW 44.6

Kodwa ete-nje u-Msindisi wezela ukuba ngumzekelo wetu, Umelwe kukuva ubunzima nje ngati; Akamelwe kukwenza ummangaliso ngokuzilungiselela okwake. Imimangaliso Yake yonke yayingoko kulungelwa kwabanye. Kwelo bango lika Satana wati ukupendula: KMW 44.7

“Kubaliwe, Umntu akapili ngasonka sodwa, koko ngamazwi onke apuma emlonyeni ka-Tixo.” KMW 44.8

Ngalonto Wabonisa ukuba kubaluleke ngokuncinane kakulu ukuba sizilungiselele ngokudla kunokuba sive ilizwi lika-Tixo. Abo balivayo ilizwi lika-Tixo banedinga lokufumana zonke izinto ezifuneka kobu bomi, bakwa nedinga lobo bomi buzayo. KMW 44.9

U-Satana akapumelelanga ukuwisa u-Kristu kwisihendo esikulu sokuqala; walandelisa ngokuya kummisa elucocoyini lwe-tempile paya e-Jerusalem, waza wati: KMW 45.1

“Ukuba ungu-Nyana ka-Tixo, Zipose pantsi kuba kubaliwe kwatiwa, Uya kuziwisela umteto ngawe izitunywa Zake zasezulwini; zikufukule ngezandla hleze ubeteke ngonyawo Lwako etyeni.” KMW 45.2

U-Satana waye sekondweni lika-Kristu ngokucapula i-Zibalo. Kodwa elidinga alenzelwanga abo bangaba nobugasa bokuzifaka engozini ngabom. U-Tixo wayengazanga wamxelela u-Yesu ukuba azipose pantsi esuka pezu kwe-tempile leyo. U-Yesu waye ngeyenze nge ntando ka-Satana. Wati: “Kubaliwe kanjalo, Uz’ ungayihendahendi i-Nkosi u-Tixo wako.” KMW 45.3

Simelwe kukukolosa ngolondolozo lo-Bawo wetu osezulwini; kodwa asimelwe kukuya apo angasitumanga kona. Asimelwe kukuyenza into Asalele yona. KMW 45.4

Ngokuba u-Tixo enenceba, enokuxolela, kuko abati u-Tixo ungowa bangevayo. Kodwa-ke bubugasa lonto. u-Tixo uxolela bonke abanga banga nxhenxhezelwa bebuya esonweni. Kodwa bona abagqibe ukunga Mva Akanako ukubasikelela. KMW 45.5

U-Satana ngoku watyileka ubuni bake,—inkosi yamandla obumnyama. Wamtabatela pezu kwentaba epakamileyo u-Yesu, wasele mbonisa zonke izikumkani zehlabati. KMW 45.6

Ukukanya kwelanga kwimizi emihle, amabotwe elabastile, (amatye), amapandle acumayo nezidiliya. USatana wati: KMW 45.7

“Zonke ezizinto ndokunika ukuba ute wawa pantsi waqubuda kum.” KMW 45.8

Okomzuzwana u-Kristu wayondela leyo mbonakalo. Waza-ke wayi fulatela. U-Satana waye mbonise ihlabati ngokowona mtsalane ubalaseleyo; kodwa u-Msindisi wakangela ngapakati kobobuhle bangapandle. KMW 46.1

Walibona elihlabati kobo budwayinge balo besono, libucala no-Tixo. Yonke le-nxwaleko ibangwe kukusuke umntu afulatele u-Tixo aqubude ku-Satana. KMW 46.2

U-Kristu waye nolangazelelo lokuhlangula oko kulahlekileyo. Walangazelela ukulihlaziya ihlabati alenze lidlule ubuhle be Eden. Wayenga angmbeka umntu ekulinganeni no-Tixo. Ngenxa yomntu onesono wamelana naso isihendo. Waye melwe kukuba ngu meyisi, ukuze babe ngabeyisi, ukuze babe njengazo izitunywa zezulu, babe nokukufanelwa ukubizwa ngokuba bango nyana baka-Tixo. KMW 46.3

Kwi bango lika-Satana lokuqutyudwa, u-Kristu wapendula: KMW 46.4

“Suk’ umke, Satana; kuba kubaliwe kwatiwa, YiNkosi u-Tixo wako oyakuqubuda kuyo, ukonze Yona yodwa.” Mateyu 4: 3-10. KMW 46.5

Ukutanda ihlabati, inkanuko yobukosi, no-qanqalazo lobomi,—yonke into esusa umntu ekunquleni u-Tixo,— yayi patelele kwesi sihendo esikulu sika-Kristu. KMW 46.6

U-Satana wanikela u-Kristu ihlabati nobuncwane balo ukuba waye ngadlelana nentloko zokungendawo. Ngokunjalo-ke u-Satana usondeza kuti amalungelo anokungeniswa ngokwenza ngokupambuka. Usebeza ukuti kungeniswa ngokwenza ngokupambuka. KMW 46.7

Usebeza kuti elokuba, “Ukuze nipumelele kweli hlabati konzani mna. Musani ukuyinonelela nigqitise inya- niso nokutembeka. Yivani ukucebisa kwam, ndiya kuninika ubutyebi ne-mbeko nokonwaba.” KMW 46.8

Ukutobela elicebiso siqubuda ku-Satana kunokuba siqubude ku-Tixo. Lonto yosifaka enxwalekweni nakwi mpanziso. KMW 47.1

U-Kristu usibonisile emasenze kona xa sihendwayo. Okuya wati ku-Satana, “Suk’ umke,” u-mhendi akabanga nakumelana nalowo myalelo. Wamelwa kukumka. KMW 47.2

Ebanyalaza yinzondo engengacebo nobushushu, umvukel’omkulu wemka pambi ko-Mkululi we-hlabati. KMW 47.3

Impikiswano yapela okwelo tuba. Uloyiso lukaKristu lwalupelele njengoko lwalunjalo ubukuqo luka Adam. KMW 47.4

Ngokunjalo-ke nati sinokusicasa isihendo, simoyise u-Satana. I-Nkosi iti kuti “Mcaseni-ke umtyoli, wonibaleka. Sondelani kuye u-Tixo, Uyakusondela kuni.” Jakobi 4: 7, 8. KMW 47.5