U-Kristu U-Msindisi Wetu
U-Kristu U-Msindisi Wetu
Intshayelelo
I-BALI lobomi base-mhlabeni buka-Kristu u-Msindisi wetu bubalwe kunge ngawo amazwi akuyo yonke imo ye-mvelo, kuyo yonke imbonakalo yamava obuntu, kuyo yonke ingqiniseko yobomi. Asinakuze siqiqe ngokuzeleyo ubunzulu bobaluleko, ukunaba kwe-mpembelelo, zobomi buka Yesu wase Nazarete. Yonke intsikelelo yalo lonke uhlobo iza kuti ngolo qagamshelo lwapakati kwe-Zulu no-mhlaba olwasekwa xa i-Nkosi yo-zuko yazitabatela ibango le-hlabati elilahleke esonweni. KMW 5.1
Usizi olungalandekiyo lwelo bali lwapembelela usiba lwe-mfundi no-lwimi lwabano-buciko. Kodwa kulunge ukulibalisa ngenteto engaviwa nangu mntwana. Eso sibonakalo esingummangaliso asinanze kuqatywa mntu. Ubuqaqauli baso bungapaya kolwazi lwabantu. Likanya ngokubalasela okukulu ngeyiyeyalo inkazimlo. KMW 5.2
Kula mapepa akuko mizamo yenziweyo ngokolwazi lokuhombisa. I-bali elimsulwa, elibaliswe ngoqutywe yingcinga eyendeleyo yezahlulo ezingena kulandwa zawo lo-mcimbi, libaliswe ngenteto elungele nabatsha. Ngokusulungeka kwalo aliteti kwi-ntliziyo zabatsha kupela, kodwa lisuka lipendule u-mnqweno esiwupimisela sonke kule ngoma eqelekileyo. KMW 5.3
“Ndisusel’ ibal’ eli lula, nje ngaku mntwan’ omnci.” KMW 5.4
Ngamana lamkelwa kwa ngokobo bumsulwa nobunyulu bokolo. KMW 5.5