Amanyathelo Okuya Ku-Kristu

1/13

AMANYATHELO OKUYA KU-KRISTU

1. UKUTHANDWA KOMNTU NGU-THIXO

INDALO nentyilelo yeLizwi likaTixo ngokufanayo zinqhina ngothando lukaThixo. U-Bawo wethu osezulwini ungumthombo wobomi, wobulumko, nowovuyo. Khangela ukuba ngummangaliso nokuba ntle kwezinto zendalo. Cinga ngokuncamisa kwazo ukumfanela umntu nezinye izidalwa eziphilileyo ezintswelweni nokonwaba kwazo. Ilanga nemvula ezivuyisayo zihlaziye ubuso bomhlaba, iinduli, neelwandle, nemathafa; zonke ezonto zisixelela ngothando lomDali wethu. NguThixo onika izidalwa zonke oko zikusweleyo. Umdumisi, ngamazwi amnandi uthi: AOK 7.1

“Amehlo eento zonke akhangele kuwe; wena ke uzinika ukudla kwazo ngexesha elililo; uya sivula isandla sakho, uzihluthise iinto zonke eziphilileyo ngeento ezikholekileyo.” Indumiso 145: 15, 16. AOK 7.2

U-Thixo wamdala umntu wangcwele kanye, wonwaba kanjalo; nawo lomhlaba mhle, xa wawuphuma esandleni somDali, wawuyimpuluswa, ungenabala lakubola nasithunzi sesiqalekiso. Kukwaphulwa komthetho kaThixo — umthetho wothando — okwazisa ububi nokufa emhlabeni apha. Kanti ke noko bukhoyo obu bunzima ngenxa yesoono, uthando lukaThixo lutyhiliwe. Kubhaliwe kwathiwa, uThixo wawuqalekisa umhlaba ngenxa yomntu. (Genesis 3:17.) Imithana enameva neenkunzane — iingxakeko nezilingo ezibenza nzima ubomi bakhe — zamiselwa okwakhe ukulungelwa nokumcola, okufunekayo njengenxalenye yecebo likaThixo lokumphakamisa ekonakaleni nasekuhlazekeni okwenziwa sisoono. Nakuba umhlaba wawayo, awuzele lusizi nobubi bodwa. Endalweni apha ngokwayo kukho iindawo eziginyisa amathe nezinika ithemba nokonwaba, kuba, nasemakhakhakhakeni, nakweminye imithana enameva, ungafika kuzintyatyambo kuphela. AOK 7.3

“U-Thixo uluthando,” oku ungakufumana kubonakala kwindalo yonke nakwincha ekhulayo. Ukutsholoza kweentaka iingoma ezimnandi, ukuqholwa komoya ngevumba elimnandi zintyatyambo ezithiwe gqabagqaba ngamabala athambileyo, ukuma kweengxilimbela zemithi yehlathi iyokozelisa ngamagqabi ayo amahle aluhlaza — zonke ezizinto zinqhina ubuzali bukaThixo, nomnqweno anawo ukuba usapho lwakhe olusithi lungonwaba. AOK 7.4

Ilzwi likaThixo lityhila isimo sakhe. Yena ngokwakhe ulutyhilile uthando lwakhe nenceba yakhe engunaphakade. Akuthi u-Moses, “Kha undibonise ubuqaqauli bakho,” waphendula uYehova wathi, “Ndiya kukudlulisa konke ukulunga kwam ebusweni bakho.” (Eksodus 33: 18, 19.) Bubo obu ke ubuqaqauli bakhe. U-Yehova wadlula phambi ko-Moses wadanduluka esithi, “U-Yehova, uYehova, uThixo onemfesane, onobabalo, ozeka kade umsindo, omninzi ngenceba nangenyaniso; olondolozela amawaka inceba, oxolela ubugwenxa, nokreqo, nesoono.” (Eksodus 34: 6, 7.) “Uzeka kade umsindo, unenceba enkulu.” (Yona 4: 2.) “Kuba yena uthanda ukwenza inceba.” (Mika 7: 18.) AOK 7.5

U-Thixo uzibophelele kuye iintliziyo zethu ngeempau ezingenakubalwa, ezisezulwini nezisemhlabeni. Uzityhile kuthi ngezinto azidalileyo nangokumanyana okunzulu, okukhoyo phakathi kwabantu emhlabeni. Kanti noko ezizinto azithanga-nqaa ukulutyhila uthando lwakhe. Nakuba zonke ezimpau zokusithanda kwakhe zibonakala, lusuke noko utshaba lobulungisa lwazimfamekisa iingqondo zabantu; basuke bamkhangela uThixo ngokumoyika, bamcingela ukuba nguThixo olukhuni nongenakuxolela. Usuke uSatana wabakhokelela abantu ekubeni bamkhangelele ukuba uThixo lo, ungumgcini-bulungisa olukhuni, nomgwebi ongenanceba, nothi ukumphatha kwakhe umntu ange umbuza isilandu, amtshutshise. Nothi ehleli nje, kanti umntu lo umgxeleshe ngolunya, ngokunga angafumana iziphosisiso zodwa kuye, ukuze amgwebe. Wezela ke oku uYesu phakathi kwabantu, ukuze asuse elithunzi limnyama, atyhile abonise ihlabathi ubunzulu bothando lukaThixo. AOK 8.1

U-Nyana kaThixo wehla ezulwini ukuza kwazisa ihlabathi ngoYise. “Akukho namnye wakha wambona uThixo; uNyana okuphela kwamzeleyo, lowo usesifubeni sikaYise, nguye ocacise oko.” (Johane 1: 18.) “Kanjalo akukho umaziyo uYise, kuphela nguNyana, nalowo athi uNyana athande ukumtyhilela.”(Mateyu 11: 27.) Wathi mhlenikweni omnye wabafundi bakhe wenza isicelo esithi, “Sibonise uYihlo,” waphendula uYesu wathi, “Ndinaxesha lingakanana ndinani nje, akukandazi na, Filipu? Lowo undibonileyo mna umbonile uBawo; utsho ngani na ke wena ukuthi, Sibonise uYihlo?” (Johane 14: 8, 9.) AOK 8.2

Uthi uYesu ngokwakhe xa axela umsebenzi awayeze kuwenza apha emhlabeni, “I-Nkosi indithambisele ukushumayela iindaba ezilungileyo kumahlwempu. Indithume ukuba ndiphilise abantliziyo ityumkileyo, ndivakalise inkululeko kubathinjwa, nokubuyiselwa kokubona kwabaziimfama, ndindulule abaqobekileyo bekhululekile.” (Luka 4: 18.) Lo yayingumsebenzi wakhe. Wahamba-hamba esenza ubulungisa, ephilisa bonke abacinezelwe nguSatana. Kweminye imizi bekungakhe kubekho noko amnye ogula sisifo nokuba kukuyiphina indlu; kuba, ubethi akudlula kuyo ayiphilise imilwelwe yayo. Umsebenzi wakhe ubumxelela kanye ukuba unyulwe nguThixo. Bonke ubomi bakhe babuphauleke ngothando, ngenceba, nemfesane. Ubevelana kakhulu nosapho loluntu. Wathabathela phezu kwakhe ubume bomntu, ukuze abe nokumazelelela umntu kwizinto azisweleyo. Amahlwempu nabaphantsi bebengoyiki ukusondela kuye. Nabantwana abancinane bebemthanda. Bebethanda ukukhwela phezu kwamadolo akhe, baqwalasele kobo buso bakhe buncumayo buzele luthando. AOK 8.3

U-Yesu akazange afihle nelizwi elinye layo inyaniso, ubesithi xa ayithethayo, ayithethe ngothando. Iintetho zakhe ebantwini bezihleli ziphauleke ngokuba zezobulumko, nezengcinga, nezobubele. Ubengafumane enze, athethe ilizwi elibuhlungu, mhlaumbi enzakalise umphefumlo oxhalabileyo. Ubengavuyiswa kukubohlwaya ubulwelwe bomntu, ubesuka ayithethe inyaniso emntwini ngothando. Yona inkohliso, ukungakholwa, nenkohlakalo, ubezohlwaya ngokumhlophe. Ubezithetha ezontetho zakhe zithothisayo, zoyikekayo, elila. Wasililela isixeko asithanda kunene saseJerusalem kuba sasisuke asavuma ukumamkela, yena uyiNdlela, uyiNyaniso, ubuBomi. Bamlahla ongumSindisi, koko yena wabakhangela ngenceba, wabenzela usizi. Ubomi bakhe bonke bebu bobokuzincama, nokuvela abanye. Ubebathanda abantu bonke nakuba ebeziphethe njengoThixo, ubethanda noko ukuzenza mnye nabantu bakaThixo. Bonke abawileyo, ubebakhangelele ukuba bangumsebenzi wakhe ukubasiza. AOK 9.1

Sasinjalo ke isimilo sikaKristu njengoko sabonakala satyhileka kubomi bakhe. Esi yayisisimilo sikaThixo kanye. Imithombo yenceba ephumela kusapho loluntu, ethe yabonakalaliswa kuKristu, yayiphuma entliziyweni yoBawo wethu. U-Yesu, umSindisi onenceba netaru, waye nguThixo “owabonakalaliswa esenyameni.” (1 Timoti 3: 16.) AOK 9.2

Ukuva kukaYesu ubunzima nokufa, kwakunye nokudla kwakhe ubomi emhlabeni, yayi kukuze asithenge asikhulule ekufeni. Waba “yiNdoda yentsizi,” ukuze sibe ngamadlelane kunye naye ngovuyo olungunaphakade. U-Thixo wamyekelela uNyana wakhe oyintanda, ozele lubabalo nayinyaniso, ukuba alushiye uzuko lwakhe olungathethekiyo, eze kwilizwe elonakele, laqalekiswa, lancholiswa sisono nakukufa. Wamvumela ukuba ashiye ubumnandi ebenabo, nokuzukiswa zingelosi, aze eze kuva ubunzima. ihlazo, ukuthobeka, intiyo, nokufa. “Ubetho lokuba sibe noxolo thina lube phezu kwakhe; siphiliswe ngemivumbo yakhe.” (Isaya 53: 5.) Mboneni esentlango, eseGetsemane, esemnqamlezweni! Lo Nyana kaThixo ungenalo nechaphaza eli lesoono, wathabathela phezu kwakhe umthwalo wesoono. Uthe lowo ebemnye noThixo, wabuva, emphefumlweni wakhe, ubunzima nobubi bokwahlulwa komntu noThixo sisoono. Kuko kanye oku kwambangela ukuba adanduluke ngezwi elikhulu, esithi, “Thixo warn, Thixo warn, undishiye nganina?” (Mateyu 27: 46.) Yayi bubunzima besoono, ukubuqonda ubukhulu baso, ukwahlula kwaso umphefumlo kuThixo — obaphula intliziyo yoNyana kaThixo. AOK 9.3

Kanti ke elidini likhulu kangaka, wayengalenzeli ukunyibilikisa intliziyo kaYise, ukuze, athi kuba yena Nyana emthanda umntu, asel’emvumela ukuba amsindise umntu. Hayi, kwakungenjalo! ‘‘Kuba weenze nje uThixo ukulithanda kwakhe ihlabathi, ude wancama uNyana wakhe okuphela kwamzeleyo.” (Johane 3: 16.) U-Bawo usithanda engabangwa lucamagushelo olo lwenziwayo, wasenzela ucamagushelo kuba esithanda. Wamisa uKristu ukuba abe yimpolo aya kulukhuphela ngayo uthando lwakhe olungaphele ndawo kwilizwe eliwileyo. “UThixo waye ekuKristu, elixolelanisa naye ngokwakhe ihlabathi.” (2 Korinte 5: 19.) U-Thixo weva ubunzima kunye noNyana wakhe. Lontliziyo yothando olungaphele ndawo, yalihlaula ixabiso lokuthengwa kwethu esoonweni ngako ukuva kwayo ubunzima eGetsemane, nangako ukufa kwaseKalvari. AOK 10.1

U-Yesu, wathi, “Ngenxa yoku uBawo uya ndithanda; ngokuba mna ndibuncama ubomi bam, ukuze ndibuye ndibuthabathe.” (Johane 10: 17.) Oko kukuthi, “U-Bawo unithande kangangokuba andithande mna ngaphezulu kuba ndibunikele ubomi bam ekufeni ukuze ndinikhulule. Ndizithandise kuBawo ngokuba ndisuke ndathabatha indawo yenu, namatyala enu, nezigqitho zenu, ndaza ndanimela; kuba ngedini eli lam uThixo unokuba nobulungisa, abe ngumGwebeli walowo ukholwayo kuye uYesu.” AOK 10.2

Bekungekho ubenako ukuwufeza umsebenzi wokuthengwa kwethu ngaphandle koNyana kaThixo; kuba inguye yedwa obengathi kuba ubenaye uYise, abe nako ukumtyhila. Ibi nguye yedwa obengathi, kuba ebazi ubunzulu nokuphakama kothando lukaThixo, abe nako ukulutyhila. Bekungekhonto ibingade igqithe idini likaKristu, alenzele umntu owileyo, ukutyhila nokubonisa uthando lukaYise lokuthanda uluntu olulahlekileyo. AOK 10.3

“Weenze nje ke uThixo ukulithanda kwakhe ihlabathi, ude wancama uNyana wakhe okuphela kwamzeleyo.” Wamnikela uNyana wakhe kuluntu oluwileyo, kungekuko ukuba ahlale pha- kathi kwalo, athwale izoono zalo, afele ukulucamagushela kodwa; ikukuba abe sisipho sakhe kulo. U-Kristu wanikelwa ukuba abe mnye nabantu, avelane nabo kwiingxakeko nakwiintswelo zabo. Yena lowo wayemnye nje noThixo, wasuke wazimanya nosapho loluntu ngezintya ezingenakuze ziqhaulwe nto. U-Yesu “akanazintloni ukubabiza ukuba ngabazalwana.” (Hebere 2: 11.) OliDini lethu, umThetheleli wethu, umKhuluwe wethu, uthe, ebuthabathele phezu kwakhe ubume bethu, wema phambi kwetrone yoYise, nakuwo onke amaphakade, wazenza mnye noluntu alufelayo, ewe wanguNyana womntu. Konke oku wakwenzela ukuze abe nako ukumphakamisa umntu ekonakaleni nasebuphantsini esithe isoono samhlisela kubo; aze abe nokubonakalalisa uthando lukaThixo, abe nesabelo kolovuyo lobungcwalisa bakhe. AOK 10.4

Ixabiso elihlaulelwe inkululo yethu, ukuncama uNyana wakhe koBawo wethu osemazulwini ukuba asifele, ezonto bezifanele ukusinika ingcinga ephakamileyo yento esingaba yiyo ngaye uKristu. Um-Postile uJohane wathi, ngokubona ukuphakama, ubunzulu, nobubanzi, bothando loYise ngakuluntu olutshabalalayo, wasuka waphelelwa ngamazwi nayintetho angabonga ngayo, adumise, axele ngayo ubukhulu bolothando: wasel’esuka esithi kwilizwe: “Bonani uthando olungaka asenzele Iona uYise, olu lokuba sibizwe ngokuba singabantwana bakaThixo.” (1 Johane 3: 1.) Oku kumnike ixabiso elikhulu umntu, kuba ngenxa yokugqitha umthetho, oonyana boluntu bebephantsi kwegunya likaSatana. Ke namhla, ngalo ukholo kwidini likaKristu elisihlauleleyo, oonyana bakaAdam bangaba ngoonyana bakaThixo. AOK 11.1

Olu luthando olungenakulinganiswa nanto. Ukude kuthiwe “Lusapho loKumkani wezulu! kukuthetha ngedinga elinqabileyo, kukucinga into eyendeleyo. Ukude luthi uthando olugabadeleyo lukaThixo, lwenzelwe ilizwe ebelingamthandi yena!” Leyo yingcinga esuke iwoyise umphefumlo, ithi nengqondo iyithimbele kwimvume kaThixo. Okukhona sisiqwalaselayo isimilo sikaThixo ngokusingisele emnqamlezweni, kokukhona siya siyibona inceba, ukuncendezela, nokuxolela kwakhe kubandakanywe ngokulungeleleneyo nobulungisa bakhe; kokukhona sisiziqonda ngokucacileyo, iimpau ezingenakubalwa zothando lwakhe olungunaphakade, nenceba yakhe egqithe lee kweyomzalikazi ophongomele ukubuya komntwana wakhe odungudeleyo AOK 11.2